15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

UHelen Zille uthi mayichith’amanzi inkukhu ibalekile iANC

Mabini qha imibutho ezakubanamandla okuqubisana kunyulo lonyaka ozayo.

Lawo ngamazwi walowo wayesakuba yiNkokheli yeqela lezopolitiko iDA nogama linguHelen Zille. Lowasetyhini ebekuthetha oku kwingqungquthela yeliqela nebubanjwelwe kwiphondo laseRhawutini namhlanje. Uthi kunyaka ozayo izakuba yimibala emibini kuphela ezakuqubisana kukhuphiswa lolonyulo likazwelonke ka2023.

Uthi ngumbala oluhlaza(blue) kunye nobomvu(red) qha, ntoleyo ethetha ukuthi yiEFF neDA kuphela ezinamdla kunawo onke amanye amaqela ezopolitiko ukuphumelela ukuphatha isixeko saseRhawutini. Ezintetha uzithethe engayiyekanga kwaphela iANC, nalapho acacisa mhlophe ukuba ixesha likaKhongolose liphelile. Uthi lombala untyheli uphelelwe lixesha

Uqhube ngelithi, “ndikhuke kukho imibutho emibini neyayisaziwa kakhulu eMzantsi Afrika okumgathi soze iphume elulawulweni. Kodwa sithetha ngoku, yomibini ayisaveli nangegama. Lonto ke ithetha ukuba ayikho into engalo ilanga nayo” utshilo uHelen.

Lenkokheli ithi iqela leEFF linodlame, kwaye linukubeza iyantlukwano nenzondo logama bona bezama uxolo kwakunye nomanyamo lomtu wonke. Ukanti uSolly Msimang unyuliwe kwakhona njengenkokheli yeDA kwiphondo laseRhawtini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks