15.4 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Kancinci kancinci uluntu luyaxhamla kwizixhobo ezingcono kwezemidlalo

Bangapha kwewaka(1000) abafundi kunye namaqela asekuhlaleni athe axhamla kwiphulo elihle lezemidlalo, nelenziwe liSebe lezemidlalo; uBugcisa neNkcubeko besebenzisana nenkampani yabucala u(MultiChoice) eMpuma Koloni.

Eliphulo nebeluntsuku mbini belibanjelwe kumhlaba waseGcuwa phantsi koMaspala waseMnquma kwisithili saseTsholomnqa. Uluntu lwaseTsholomnqa nabafundi bazibone sele bewelwa ngumqa esandleni, kuba benikezwa amabala afana nawe hoki, ibhola ekhatywayo,ivoli bhola kunye nebhola yomnyazi.

Olunikezelo lweenkundla zemidlalo kuxhamle nezikolo ezintandathu kwaye kwenziwe nomnhyadala wetumente zemidlalo. Ukanti isebe likhiphe izixhobo ezixabisa ngaphaya kweR872 500 kuMaspala waseAmathole esiya naseBCM.

Sithetha nje iTsholomnqa ibengundaba-mlonyeni njengoko abafundi neeklabhu beqala ukudlala, kwinkundla yabo entsha yemidlalo eyahlukileyo nabayinikezwe ngokusesikweni nguMphathiswa uNonceba Kontsiwe kunye neMultiChoice.

“Siyibulela into yokuba iMultiChoice nayo igxile emaphandleni njengaseTsholomnqa, ukwakha eli ziko likumgangatho ophezulu. Oku kuya kukhuthaza abafundi abaninzi ukuba bathathe inxaxheba kwimisebenzi yezemidlalo, hayi kwesi sikolo kuphela kodwa nakwiiklabhu zasekuhlaleni. Sibongoza uluntu ukuba luyigade le asethi nanjengoko yeyenu,” utshilo uMphathiswa uKontsiwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
66 %
3.3kmh
54 %
Fri
41 °
Sat
26 °
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks