Usapho lwembethi manqindi eleli ngandletyananye lukazakuntingela eNorthern Ireland namhlanje

Namhlanje uSapho lweMbethi manqindi uLudumo Lamati oluquka uMama neNtokazi yakhe, bazakuntingela kwiLizwe iNorthern Ireland, ukuyakunikezela inkxaso kulo Mdlali olele ngandletyananye eSibhedlele.

ULamati wenzakala ebuchotsheni kumjikelo wokugqibela womdlalo wamanqindi kwelaLizwe, apho wayekhuphisana noNick Ball kwiBhanti World Boxing Championship Silver Featherweight, kwiHolo SSE Arena.

Lo mdlali wabalekiselwa eSibhedlele apho wafikela ezandleni zooGqirha. Sithetha nje uchacha kuhle, oku kuza emva kweengxelo zooGqirha ezithe uyakwazi nokuzityela.

Ukususela ngoko abalandeli bamaNqindi kwelaLizwe, baseka amaphulo nemithandazo yokuxhasa uLudumo eSibhedlele. Ukuphulukana kwakhe nalamdlalo yayikokokuqala, susela ukukhuphisana kwakhe emanqindini, enemilo engamashumi amabini anesithathu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.5 ° C
19.5 °
19.5 °
90 %
2.6kmh
71 %
Sat
19 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA