UMasipala ombaxa wesixeko saseMonti, ukhuphe isilumnkiso kubantu abanokutyelela eLwandle ngelixesha lobusika.
Lo Masipala uthi kukho ukukhenketha kweNkitha yeeNtlanzi okubikwe kwiiLwandle zesixeko, nto leyo engatsala amarhamncwa afana nooKrebe ukuza kuzondla kweziNtlanzi.
Esi silumnkiso sikhutshwe kanye emva kokusinda cebetshu kwendadi yaseNahoon emva kokuhlaselwa nguKrebe izolo. UMasipala uye emva koko waluvala uLwandle lwaledolophu emva kolu hlaselo.
UManejala weZiko elilondoloza iiNtlanzi eMonti uSiani Tilney, uthe kuxhaphakile ukubonwa kwezintlanzi ngelixesha lonyaka, nalapho neeNtaka ziye zizifumanele itheko kuzo kuquka neeNtlanzi ezinobungozi eziquka ooKrebe.
Ukanti onguManejala weeLwandle uAllen Zealand uthe lingaphinda livuleleke ukusetyenziswa uLwandle lwaseNahoon namhlanje.