Usengusihlalo wePSL uDr Irvin Khoza weOrlando Pirates emva komsitho wolonyulo nobubanjwe izolo eSanton Convension Centre eRhawutini

Uphinde wonyulwa ngokungaphikiswa usihlalo wombutho webhola ekhatywayo eMzantsi Afrika kwiligi uDr Irvanv Khoza wePremier Soccer Ligi izolo umhla weshumi elinesibini(13) ngoLwesithathu ezintsukwini ngethuba kubanjwe umsitho wolonyulo labaphathi beNSL. Lomcimbi ububanjelwe eSanton Convension Centre. uKhoza usezakuqhuba ephethe lombutho eminye iminyaka emine(4).

Ngenxa yendlela ephucukileyo enesidima nenenkqubela phambili ikuzithoba nembeko athe waphatha ngayo lombutho uIrvan, isigqeba esilawulayo seNSL sigqibe ngamxhelo mnye ukuba simgcine njengosihlalo eminye iminyaka emini(4) ephethe.

Kubekho utshintsho kwisigqeba esilawulayo salombutho webhola ekhatywayo kwiligi ngethuba amalungu amathathu(3) engabuyiselwanga okanye engonyulelwanga kwesisigqeba, loomalungu ngDavid Tidiela weqela iBlack Leopards, uJohn Comities weCape Town City noRob Benadie.

Isigqeba solawulo seNSL ngu Irvan khoza ongusihlalo, uKaizer Motoung, uMato Madlala, uDr Rejoice Simelane, uStanley Matthews, uJohny Mogaladi, uTim Sukazi noSifiso Biyela.

Abatsha kwesisigqeba singakhakhanya uSifiso Biyela weRichards Bay noTim Sukazi weTS Galaxy.

UKhoza uwonge umphathi weqela leKaizer Chiefs uKaizer Motoung namthe jize ngezigidi ezimbini(2million) zerandi ukuba azivise kamnandi wenzelwa nekhekhe elihle nanjengoko ebegqiba iminyaka engamashumi asibhozo(80) wazalwa kwiiveki eziphelileyo.

Intombi kaKaizer nengumphathi kwicandelo lokugqamisa iqela likatata wakhe iKaizer Chiefs akakwazanga ukuzibamba ekhala yimincili esothuswa kukuwongwa kukatata wakhe kangaka.

UKaizer noKhoza ngabo abasekhoyo nabaqala lombutho wePSL bawubumba bawenza ukuzakuthi gaa ngoku ukusuka ukusekwa kwawo ngonyaka ka1985, ngexesha looStix Morewa, ooGeorge Thabe kwibhola ekhatywayo, ngexesha leNPSL eyayiyiNational Premier Soccer Ligi nomnye umbutho oyiFederation Football neyathi yadityaniswa ukwenza iNSL.

Ngelooxesha kwakukho amaqela ebizwe ngokuba yiA-Team neB-Team. Omnye wayekhona esinokumbalula kuB-Team yayingumphathi weJomo Cosmos uJomo Sono nokwanguSomashishini owaziwayo.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA