Kwiinzame zokuphelisa ubusela bemfuyo, amalungu akwiyunithi yobusela beStock and Endangered aqalisa umsebenzi eNqanqarhu kwaye avelisa iziphumo ezincumisayo.
Amalungu aqhubeleka nokuphanda indawana yobusela bemfuyo xa eqala iphulo lokulandela ulwazi alufumeneyo. UMphathi weYunithi kunye neqela lakhe baqhubele phambili baya kwindlu ekutyholwa ukuba igcinwa kuyo imfuyo. Bafumene iigusha ezilishumi (10) ebezibiwe ngeCawe kwindawo yolawulo eMbidlana. Ukubaluleka kophawu lwemfuyo kuncede abantu ukuba bachonge iigusha zabo ngophawu lwendlebe kwaye zanikelwa kubo.
Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38) ubudala ubanjiwe ngoko nangoko ngokuba nempahla ebiweyo kwaye uvele namhlanje (14 November)kwinkundla kamantyi eNqanqarhu.
Umkomishinala obambeleyo weSithili saseJoe Gqabi uBrigadier Asogran Naidoo uncome amalungu ngokufunyanwa ngempumelelo nokubanjwa phambi kokuba iigusha zifike emarikeni. Oku kuthumela umyalezo kubaphuli-mthetho ababandakanyeka kwizenzo zolwaphulo-mthetho wokuba amapolisa awazukuphumla de akubambe kwaye umsebenzi uya kuqhubeka, wongeze watsho.

