12.5 C
King William's Town
Saturday, September 7, 2024

Zingahamba zona iintsuku kodwa lona eli iQhawekazi soze lilibaleke.

Singahamba zona iintsuku kodwa lona eli iQhawekazi soze lilibaleke.

 

Lawo ngamazwi avele athi gqi sakucinga ngelenzwakazi, neqhawekazi elaqaqambisa uLwimi lesiXhosa kwiindaba zeSABC kwiminyaka emininzi eyadlulayo ngethuba efunda iindaba.

Uninzi lwethu, sikhula simamela uMama uNoxolo Grootboom kumabonakude emakhaya kwaye evuselela namaphupha kwabanye abanomqweno wokulandela ekhondweni lakhe. Eliqhawekazi neliphume izandla kumsebenzi omhle elawenzayo ukufunda iindaba nanjengoko ngoku sele wathatha umhlala phantsi kwijelo losasazo iSABC.

 

Kwii veki ezimbalwe ezidlulileyo, sifumene isimemo kumawonga we Eastern Cape Arts & Culture Awards eMonti apho bekuwongwa osaziwayo beli kuquka ke nomama wethu uNoxolo Grootboom. Uwongwe ngeMbasa kunconywa umsebenzi omhle weqhawekazi kwiindaba zesiXhosa negalelo elihle kolulwimi laseMpuma Koloni.

UMphathiswa weSebe lezeMidlalo uBugcisa neNkcubeko uFezeka Nkomonye ebebambe lengqungquthela kuwongwa kosaziwayo abafana noZolisa Xavula, Jet Novuka, Zolani Bhongco ukubalula. Nangona kunjalo bebengaphelelanga apho bebekho nabanye kwimidlalo yeqonga nabo bangabavelisi yalemidlalo nabo abathe bawongwa nguMphathiswa kwakunye neSebe akhokela kulo.

Eli Sebe liye labamba amawonga okuvuyisana nabantu bezoBugcisa neNkcubeko ngomsebenzi wabo omhle abawenzayo kumacandelo abo.
Lo msitho ububanjelwe eMonti ngomhla wesihlanu kuCanzibe.

Ngethuba sincokola noManejala welisebe uAndile Nduna uthi “Le mini yimiji enkulu kakhulu kwaye belisebe siyazingca ngegalelo esilenzayo kuluntu kwakunye nabo basakhulayo”.


Kubatyunjwa abayi-51 abangenisiweyo kuluhlu lwabo banokuphumelela ngabayi-18 baye baphumelela kwaye kwanyanzeleka ukuba uMphathiswa uFezeka Nkomonye akhethe abantu abasi-8 abaza kufumana iwonga elikhethekileyo, abo ingabantu abathe bagqwesa kumacandelo abo.


Abo bebechongwe ukuba bafumane amawonga akhethekileyo nguGqirha Noxolo Grootboom, Jet Novuka, Zolisa Xaluva, Zuko Nodada, Vathiswa Ndara, Zolani Bangco, Monwabisi Grootboom noBongani Fuzile.

UBetusile Mcinga ebekho esitsho ngeengoma zakhe adume ngazo ukonwabisa abo bebemenywe kulomsitho. Kalok ibingumsitho akhethekileyo.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
82 %
1.2kmh
97 %
Sat
12 °
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks