20.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Indlela yeyonoTaxi eMzantsi Afrika kwaye ukuba uyakuphikisa oko lindela ukuphulukana nobomi bakho.

Ngabantu abane(4) abathe baphulukana nobomi babo ngelixa bebathathu(3) abathe bafumana umonzakalo omandla Engcobo izolo. Kuvakala ukuba isithuthi sohlobo lweToyota Avanza ibileqwa ngumbutho wasekuhlaleni woonoteksi emva kuba ithe yakhwelisa abantu nekukholeleka ukuba bebezi(hiker) ngethuba ingquzulana okwenkunzi zegusha neveni ebinabantu ababini. Esisehlo senzeke ngentseni yayizolo umhla we(10.01.2022) kuhola wendlela uR61 kumgama oyikhilomitha ukusuka eNgcobo ukuya eMthatha.

Imoto yohlobo lweToyota Avanza le ibileqwa, ibikhwele abantu abahlanu(5) iphuma eNgcobo isingise eMthatha, ngelixa imoto imoto engquzulene nayo yohlobo lweFord LDV ebikhwele abantu ababini (indoda nebhinqa) zingqubene ubuso ngobuso, egopheni. Abantu abathathu ababekhwele kwi-Avanza babhubhele kwindawo yexhwayelo ngelixa umkhweli oyindoda uthe wabhubha kamva esibhedlele.

Abanye abathathu kwiAvanza kunye nomnye kwiveni baye bafumana umonzakalo omandla ze emva koko babalekiselwa kwisibhedlele iAll Saints, Engcobo. Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe eNgcobo ukuze kuqhutywe uphando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
48 %
3.4kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks