18.3 C
King William's Town
Friday, February 14, 2025

Ayilolizwe lankene-nkene eli! kukwandoda zibonele

Uzoy’othola kanjan uhlele koneni?

Lowo ngumbuzo obuzwa ngabaninzi kwabo babonakala ngathi abazami iindlela zokuphucula ubomi babo, logama bejonge enkalweni isisombululo sobomi babo. Igatyana lomfana waseDutywa ogama linguSibusiso Danti, ungomnye wabo bangavumiyo ukulinda iizandla zenkongozelo koko wakhetha ukuziqalela ishishini lakhe lokuvelisa iimpahla zikanokutsho.


USibusiso ngethuba sincokola naye usichubele ebhala phantsi ngendlela enzima ayihambileyo ezama ukufezekisa amaphupha akhe okuzibona eneshishini elikhulu kwaye elinokunceda ukuqesha amakhulu-khulu abantu boMzantsi Afrika abangaphangeliyo. Usibalisele esithi ukhule engumtwana othanda izinto ezintle kodwa ngenxa yemeko yekhaya, nebingakwazi ukumbonelela kwiminqweno yakhe, ingakumbi xa enemfuno zempahla yefashoni yalemihla.

Uthi kulapho ke waye wadikwa wazifundisa ukuthunga esesesikolweni kumagumbi eDyunivesithi yaseNelson Mandela. Uthi uninzi belubona ezimpahla zintle zingaqhelekanga kwaye zinomtsalane,  ze emva koko babuze ivenkile  ezifumaneka kuyo besothuka ukuba uzenze ngokwakhe.

Eligatyala lithi kulapho laqala labona ukuba linesiphiwo kwaye makaqhubekeke ethunga nanjengoko ibiyinto ebeyithanda. “Ndingumyili wemizobo(Graphic design) ozifundisayo, umphuhlisi wewebhu(web development) ozifundise ngokwakhe, umfoti ozifundisayo kunye nokunye okuninzi”. Ndichitha iiyure kuYouTube ndifunda indlela zokuphatha ishishini nezakhono ezintsha. Ngelixa ndisemsebenzini, uluhlu lwam lokudlala alungomculo, ziividiyo ezikhuthazayo, xa ndiqhuba, andiwudlali umculo, ndidlala iividiyo ezikhuthazayo okanye ezifundisayo okanye iiaudios”utshilo

Ukwathe oku akwenzayo kufuna ukuzincama, kwaye umntu kufuneka enze ukhetho, abe sezitalatweni nabahlobo okanye abengumqhubi wobomi bakhe.

Eligatyana laziqalela imveliso yempahla egama liyi Caavirno Vorné ngonyaka ka2008 esithi ayisiyiyo nje i-brand yempahla kodwa impahla yokuzingca nokuziqhenya,uphawu kwabo banobuganga bokuphupha, ewe amagcisa akholelwa ukuba amazwi kunye neetalente zabo zifanelekile ukuba ziviwe lihlabathi. Yeyabo balaziyo ixabiso labo, kwabo bazalwa bengenanto kodwa bejonge iinkwenkwezi, kwaye benethemba lokuphila ubomi obungcono.

Luphawu lwabo bakholelwa kwikamva eliqaqambileyo, abakroli kunye nabaphengululi, amagcisa kunye noosomashishini bexesha elizayo kunye nabasukela amaphupha abo. Omama nootata abafuna ukwakhela abantwana babo ilifa.

eCaavino Vorné ufumana iimpahla zabantwana, oobhuti; oosisi kanti nabantu abadala ngamaxabiso afikelelekayo. 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
18.3 ° C
18.3 °
18.3 °
86 %
1.3kmh
92 %
Fri
18 °
Sat
29 °
Sun
32 °
Mon
32 °
Tue
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks