Bandiselisa umhluzi kwinyama endingayityanga!!!
UMongameli welizwe loMzantsi Afrika uCyril Ramaposa ujongene nezityholo ezingqongqo nezibandakanya ukuhliswa kwemali ngomlenze.
Ezindaba zivezwe ngowayesakuba yingqonyela kwezokhuseleko(Spy Boss) uArthur Fraser. Loka Fraiser uthi kwaqhekezwa kwifama kaMongameli eseLimpopo iPhala-Phala, apho kwabiwa iinkozo zemali eqikelelwa ngaphaya kwe(R60 million). LokaFraser ubike oku emapoliseni kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo esithi ingalo yomthetho mayenze indima yayo ngakumongameli.
Okunye okuvelayo kwezizityholo, kukuba ukuqhekezwa kwefama kaMongameli wayenolwazi ngako kodwa wathula akakubika emapoliseni ukuze kuphandwe.
Ngethuba uMongameli eziphendulela konondaba bamajelo osasazo izolo uthe” andinatyala ingakumbi elokutyiwa kwemali yababhatali berhafu yeli loMzantsi Afrika, bayandityhola kwaye nalamanani wemali ekuthwa ndiyibile awafani. Namhlanje kubikwa zigidi, ngolunye usuku zezinye izigidi” ewe ndiyavuma ndinayo ifama kwaye kukho izilwanyana endiye ndizithengise ezinye ndizithengise ngemali ezinkozo, ukwenza oko yinto eqhelekileyo hai ulwaphulo-mthetho.
Ukwathe uzakuyeka ukuba uphando luqhitywe
Inkokheli yeqela lezopolitiko iUDM uNjengele Bantu Holomisa ngoMvulo, ubhalele uSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho, uNosiviwe Mapisa-Nqakula, efuna ukuba lo mba uphendulwe kwaye ecela ukuba uMongameli weli akhe athathe ikhefu logama kuphandwa ngaye.