25.1 C
King William's Town
Tuesday, October 14, 2025

U-Sisa Ngebulana uzawukwakha uDederhu lweevenkile(mall) oluxabisa amakhulu amabini ezigidi zerandi(R200million) e-Ngcobo

By Nyameka Lamani

Ugqirha Sisa Ngebulana waseMpuma Koloni ongusomashishini omkhulu, uqhubela phambili nezicwangciso zokwakha udederhu lweevenkile ezixabisa amakhulu amabini ezigidi zerandi-(R200million) eNgcobo, idolophu azalelwa kuyo unina, emva kweminyaka elishumi(10) ebhengeze lo msebenzi. Ukwaceba ukuphuhlisa ezinye izindlu kweli phondo eziquka izindlu eMthatha,eMonti nase eGqeberha.

NgoLwesihlanu, uNgebulana ebekunye nabaphathi bakamasipala iDr AB Xuma ekhokelwe ngusodolophu uSiyabulela Zangqa, uLusanda Sizani ozalelwa eNgcobo kwisithili saseChris Hani noluntu lwale ndawo, kumsitho wokuphethula isoyi ngelibhengeza ulwakhiwo lwe-Engcobo Mall.

“Isisa siqala ekhaya,” utshilo uNgebulana

Ulwakhiwo lucwangciselwe ukuqalisa ngomsebenzi womhlaba kule yeDwarha ka-2025, kulandelwe ngumsebenzi wokwakha ngeyoMdumba ka-2026, ze ke oludederhu lweVenkile(mall) kulindeleke ukuba luvulwe ngoTshazimpuzi ka 2027. Le mall izakudala imisebenzi engaphezu kwewaka(1,000) ngexesha lokwakha kunye nemisebenzi emalunga namakhulu amathandathu (600) xa sele iqalile ukusebenza.

UNgebulana uye walibaziseka ngenxa ye-COVID-19, kodwa sele efumene abaqeshi abangamashumi amane ananye(41) kolu dederhu lweevenkile.Ivenkile ezinkulu zokutya okukhawulezayo,ezithengisa ukutya, kunye nezempahla ziya kuba phakathi kwamashishini okuqala ukusekwa, kunye nesithuba esongezelelweyo samashishini asekhaya.

Iinkokeli zasekhaya zikholelwa ukuba le mall iza kulunyusa kakhulu uqoqosho lwale ndawo ngokubonelela ngemisebenzi.Iza kunceda ukunciphisa iindleko zothutho kubahlali ababefudula besiya kwezinye iidolophu ukuya kuthenga, kwaye iza kwenza ingeniso kamasipala ngeentlawulo zenkonzo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
25.1 ° C
25.1 °
25.1 °
42 %
8.4kmh
61 %
Tue
23 °
Wed
23 °
Thu
15 °
Fri
28 °
Sat
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks