Intombi yenkciyo ehlolwayo nengazange yabelana ngesondo izakugqiba iminyaka engama-32.

By Inga Mkalali.

Inzalelwana yakuTsomo eNtsitho, uSiphokazi Ngwenya uzakudibanisa iminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) eyintombi nto esahlolwayo nenebhongo ngemvelaphi nenkcubeko yayo.

Lo kaNgwenya wenza izifundo zobuGqwetha kwiZiko leMfundo enomsila i- UNIVERSITY OF SOUTH AFRICA ( UNISA) kwaye usebenza njengoMncedisi Manejala (Management Assistant) kwiKlinikhi yaseNtsitho phantsi kweSithili soMasipala Intsika Yethu.

“Susela ebuntwaneni bam ndineminyaka elishumi ndaye ndazibandakanya nenkciyo ngoba umakhulu wam sikhule esithundezela enkciyweni. Ndiye ndathi ke apha ekuhambeni ndazibandakanya neNkciyo yase Mtata iYokhe Multi Arts phantsi ko mama unomehlo umama uMditshane. Kuba ke intombi ithi ukuba ibeyintombi nto ihlolwe mbambo zone zehlabathi ihloleke, ndiye ndihlolwe nazezinye iinkonde ndiqabele nakwelikaTata uKumkani uMisuzulu kwelika Nongoma”.

Kunyaka ka-2018 uSiphokazi waye wathwaliswa isithsaba sika Miss Indoni Xhosa Queen 2018 esikhatshwa lixanduva lokuyokumela isizwe sikaPhalo kaTshiwo kukhuphiswano luka-Miss Indoni Cultural South Africa equbisana neZizwe ezilishumi elinanye (11), kungeloxesha kanye ke apho uSiphokazi aye waseka khona iqumru elibizwa ngeSakhulutsha Mult-Art ngenjongo zokuxhobisa ulutsha kwingingqi yakhe nokudlulisela ulwazi alufundileyo enkciyweni.

“Mandiqale ngelithi kuye nawuphi na umntwana oyintombazana othe waphulukana nobuntombi bakhe ngokuxhatshazwa nokundlandlatheliswa ngolunya ngozungulichele, ukutsho oko abo baphulukene nobuntombi ngokudlwengulwa, ndifuna ukuthi noba bekusele kuhle kangakanani na ukuzithemba kubo, mabangazitshikileli, bazidelele bazijongele phantsi ngenxa yokundlandlathekiswa ngozungulichele, ndithi kubo mabavuke bavuthulule bachole imiqhele yabo bayibeke entloko banyathele ngokuzithemba ngoba ebusweni bukaThixo basenyulu nabo”.

“Kwabo basenethamsanqa lokuzigcina benyulu bezibandakanye nephulo lweNkciyo ndifuna ukuthi kubo ubuntombi yinto entle njengoko sele beyikhombile indlela zebangaphambuki endleleni, zona iingcuka ezombhethe ifele legusha zikhona zizawfika zikhokhelise phambili igama elithi” ndiyakuthanda”, injongo ikukuhlafuna okwetshephisi wakuphelelwa yincasa zikuthife phandle.

Okokugqibela ndifuna ukukhuthaza iintombi ngelithi intombi ikhulula kathathu, ikhulula xa ihlambayo, ikhulula xa ichama, intombi ize ikhulule xa ihlolwa”.

Lo kaNgwenya uthi uqinisekile ukuba kwiminyaka eliqela ezayo uzakuba yingqonyela yegqwetha eliphuma izandla nelihlonitshwayo kweli loMzantsi Afrika kwaye iphupho lakhe kubangumzekelo omhle nesibane esikhanyayo kwabo basakhulayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.7 ° C
24.7 °
24.7 °
71 %
2.8kmh
76 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA