Kuqaliswe uphando emva kokubhubha komfundi weDyunivesithi yase-Fort Hare phantsi kweemeko ezingaziwayo ngoMgqibelo.

By Asemahle Mbete.

Abafundi beDyunivesithi i-Fort Hare bavakalise umothuko nenxalabo emva kokubhubha komfundi, esi sehlo ekucaca ukuba senzeke ngexesha leBheshi.

Amapolisa aqinisekisile ukuba idokethi lophando livuliwe kwiSikhululo samaPolisa e-Alice.

Siyaqinisekisa ukuba idokethi lophando livuliwe emveni kwesi siganeko esenzeke ngoMgqibelo umhla wesithathu (03) kuCanzibe ngo-2025 malunga nentsimbi ye-07h30.”

Ngokweenkcukacha kutyholwa ukuba intombazana eneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala iye yawa kumsele kumsele osecaleni kwendawo yokuhlala yabafundi kuleDyunivesithi. Uye wakhutshwa ngabanye abafundi kwabe kubizwa i-Ambhulensi ukuze afumane uncedo. Lo mfundi usiwe esibhedlele ukuze ajongwe ngugqirha ze wabhubha ekufikeni kwakhe.

Umfundi ongavumanga kuchzawe igama lakhe uthi ufike kumfi engqengqile wazama ukumvusa.

“Bendiyokoneka impahla ekuseni ndabona le ntombazana isemngxunyeni ndacinga ukuba ulele ndamvusa ukuba ahambe ayolala kwela gumbi lam, kodwa akavuka,” utshilo lo mfundi.

Ngokwengxelo yephephandaba i-Daily Dispatch, isithethi seDyunivesithi uJP Roodt uqinisekisile ukubhubha kwalo mfundi, esithi amagosa ase-Fort Hare adibene nosapho lwalo mfundi.

“Kulusizi kakhulu ukuba siqinisekisa ngokusweleka komfundi weDyunivesithi yaseFort Hare,” utshilo uRoodt.

“Lo mfundi ufunyenwe engekho zingqondweni izolo [ngoMgqibelo] kwikhampasi yethu yaseDikeni waze ngoko nangoko wasiwa kwisibhedlele i-Victoria e-Alice, apho abhubhele khona kabuhlungu nangona bekungenelele oogqirha.

Sidlulisa uvelwano lwethu olusuka entliziyweni kusapho, izihlobo, kunye noluntu lwedyunivesithi ngokubanzi ngeli xesha linzima ngendlela emangalisayo.

“INkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika isebenzisana nedyunivesithi kunye nabasebenzi bezonyango ukuqinisekisa ukuba zonke iimeko ezingqonge esi sehlo ziqondwa ngokupheleleyo.

IDyunivesithi ikwabhenele kubo bonke abafundi abanokuthi bachaphazeleke ngokuthe ngqo okanye ngokungathanga ngqo ukuba bafune inkxaso yezengqondo kwicandelo leengcebiso kubafundi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.1 ° C
16.1 °
16.1 °
92 %
4.2kmh
100 %
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA