12.5 C
King William's Town
Monday, October 6, 2025

By Asipile Kitchen.

Amapolisa aphanda amatyala amabini okubulala kulandela isiganeko sokudubulana kwingingqi yolawulo lwaseNgobozana ebutsheni banamhlanje.

Umrhanelwa, oyindoda eneminyaka engamashumi amane anesibini (42) ubudala, kutyholwa ukuba udubule wabulala inkosikazi yakhe eneminyaka engamashumi amane anethoba (49) ubudala kunye nowayesakuba yintombi yakhe eneminyaka engamashumi amabini anesibini (22) ngentsasa yangoLwesibini, umhla wesihlanu (05) kweyeThupha 2025, phakathi kwentsimbi yokuqala (01:00) nemizuzu engamashumi amathathu emveni kwentsimbi yokuqala (01:30) kusasa.

Iingxelo zithi, umrhanelwa uqale wadubula owayesakuba yintombi yakhe kwithaveni yaseChithwayo, eNgobozana A/A, phambi kokuba adlulele kwikhaya lakhe eUnity Park, eNgobozana, nalapho kutyholwa ukuba udubule inkosikazi yakhe ngethuba elele. Umrhanelwa emva koko ubalekile nemoto yosapho efunyenwe ishiyiwe ngamapolisa.

Unobangela woku kubulawa kwabantu awukaziwa okwangoku. Amapolisa acela nabani na onolwazi malunga ngendawo ahlala kuyo umrhanelwa ukuba atsalele umnxeba iNtloko yabacuphi baseLusikisiki, uColonel Siyabulela Kufa ku-082 302 5118 Crime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
89 %
1.1kmh
100 %
Mon
25 °
Tue
25 °
Wed
26 °
Thu
24 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks