IDyunivesithi yaseStellenbosch iqala uphando emva kokubhubha komfundi ngenxa yeMeningitis.

By Asemahle Mbete.

UMfundi oneminyaka eli-19 ubudala, ovela kwiNtshona yeRiebeek, ufunyenwe esweleke egumbini lakhe lokuHlala iDagbreek ngempelaveki. Ngentsasa yangoLwesibini, kwaqinisekiswa ukuba uScheffers ubhubhe ngenxa yeMeningococcal Meningitis.

IDyunivesithi yaseStellenbosch ithe ukukhangela abantu aba kufutshane nomfundi wonyaka wesibini kwezeMfundo zeNkolo, uChris Scheffers, kulandela ukubhubha kwakhe, kuyaqhuba.

Lo mfundi oneminyaka elishumi elinethiba (19) ubudala, ohlala kwiNtshona yeRiebeek, ufunyanwe eswelekile egumbini lakhe kwiNdawo yokuHlala iDagbreek ngempelaveki.

Ngentsasa yangoLwesibini kuqinisekiswa ukuba uScheffers ubhubhe ngenxa yeMeningococcal Meningitis.

Le yunivesithi ithe iMeningitis yinto eqhelekileyo eNtshona Kapa, apho isasazeka rhoqo ngexesha lasebusika, kwaye uninzi lweemeko zenzeka ngaphandle kokwazi kakuhle ukuba zivelaphi na.

UMartin Viljoen wakwi Dyunivesithi iStellenbosch uthe ngenxa yokuba olu hlobo lweMeningitis lusasazeka lula kwiindawo apho abantu besondelelene, kwaye luthathwa njengolunobungozi, imigaqo-nkqubo yeenkonzo zezempilo zeDyunivesithi sele isebenza, ikhokelwa yimigaqo yephondo neyesizwe kwezempilo.

“Baqhuba uphando lokufumana bonke abo babe kufutshane nomfi kutshanje, ukuze bafumane amayeza okuthintela usulelo kwiyure ezingamashumi amabini anesine (24) ezayo ukunciphisa umngcipheko wosulelo.”

UViljoen uthe nangona kungakhange kubekho meko eyongezelelweyo eqinisekisiweyo, idyunivesithi iya kuqhubeka nokubeka iliso kwesi simo kunye nabo babekufutshane nomfi kwiintsuku ezimbalwa ezizayo.

Ngokutsho kwezeMpilo eKhempasini, olu lusulelo lwentsholongwane luqala ngokubonisa iimpawu ezifana nomkhuhlane – intloko ebuhlungu, iintlungu zemisipha, iintlungu kumalungu omzimba kunye nokunganyamezeli ukukhanya, ezi mpawu ziba mbi ngakumbi ngokuhamba kwexesha.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
17.8 ° C
17.8 °
17.8 °
88 %
1.9kmh
98 %
Sun
17 °
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
31 °
Thu
33 °

EZITHANDWAYO INDABA