By Asemahle Mbete.
UMphathiswa weMfundo esiseko uSiviwe Gwarube upapashe ngokusemthethweni imimiselo emibini yokuqala phantsi kweBasic Education Laws Amendment Act (BELA), ukuze uluntu luphawule ngayo.
Le mimiselo mibini, engaphantsi kwalo mthetho utsal’ ingxolo, ipapashwe kwiGazethi kaRhulumente emva kweenyanga zonxibelelwano kunye nemibongo evela kwikomiti yephothifoliyo yeMfundo esisiseko ecela uGwarube ukuba ayigqibe.
Abazali, izikolo kunye namalungu oluntu ngoku bangangenisa izimvo zabo ngemimiselo ephathelele imiba ebalulekileyo enjengokwamkelwa kwabafundi ezikolweni.
Umphathiswa uGwarube ebephantsi koxinzelelo oluvela kule komiti ukuba apapashe yonke imimiselo elishumi (10) ezakulawula indlela uMthetho iBELA ozakuphunyezwa ngayo.
UGwarube uthe ukupapashwa kwemimiselo emibini yokuqala kuphawula inqanaba elibalulekileyo kwinto ayibiza ngokuba luphunyezo olunoxanduva nolubandakanya wonke umntu kulo mthetho owaba ngumthetho ngeyoMsintsi kunyaka ophelileyo.
Uthe le mimiselo ipapashiweyo ichaphazela amacandelo abalulekileyo oMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, athetha ngomthamo wesikolo kunye nokwamkelwa kwabafundi.
Malunga nomthamo wesikolo, le mimiselo ithi ukusuka kwibanga lokuQala ukuya kweleshumi, kufuneka kube notitshala omnye kubafundi abangaphezulu kwe-40.
UGwarube uthe le migaqo yenzelwe ukuqinisekisa ukuba izilungiso eziqaliswe nguMthetho weBELA ziphunyezwa ngendlela “ephakamisa amalungelo abafundi, ephucula ukusebenza kwesikolo, nokugcina ulungelelwaniso olululo lwamagunya nemisebenzi phakathi kwamabhunga olawulo ezikolo norhulumente”
UGwarube uthe eminye imimiselo izakukhutshwa ukuze uluntu luphawule ngayo kwakamsinya nje xa sele igqityiwe, yajongwa ngokomthetho, kwaye yamkelwe.
Uthe icandelo lakhe lamkela indlela yokukhupha imimiselo ukuze kuthintelwe ukubambezeleka okubangelwa kukukhutshwa kwayo yonke ngexesha elinye.

