By Asipile Kitchen.
Ababini ababesakuba ngabasebenzi base-Acres SPAR babanjiwe ngoLwesithathu kwaye bavele enkundleni ngetyala lobuqhophololo, ubusela kunye nokukhwabanisa imali.
Owayesakuba ngumphathi wase-Acres SPAR uNicole Baker, oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala nowayesakuba ngunoBhuku uChantelle Erasmus, oneminyaka engamashumi amane anesibhozo (48), bavele phambi kweNkundla yezoRhwebo eGqeberha emva kokubanjwa kwabo ngooKhetshe (HAWKS).
Othethela i-HAWKS uWarrant Officer, Ndiphiwe Mhlakuvana, uthe kutyholwa ngelithi basebenzise imali engange-R2.3m yeshishini phakathi konyaka ka-2021 no-2023.
“Phakathi kwemisebenzi yabo yemihla ngemihla ibikukubhala imali ezinkozo baze bayifake kwi-akhawunti yebhanki yeshinshini ,” utshilo uMhlakuvana.
“Nangona kunjalo, endaweni yokufaka imali ebhankini, kutyholwa ngokuba bohlulelana ngayo.
“Kwezinye imeko abarhanelwa bayalela omnye umntu ukuba afake imali kwi-akhawunti enye.”
UMhlakuvana uthe ngexesha lophicotho-zincwadi, kuye kwachongwa ukungangqinelani kwaye lo mbandela udluliselwe kwi-HAWKS.
“Uphando luqinisekisile izityholo zokuba abarhanelwa babambene ngobusela kule venkile kwaye ngenxa yoko yaphulukana nengeniso exabisa i-R2.3m.”
Esi sibini sikhululwe ngebheyile ye-R5000 umntu emnye.
Eli tyala limiselwe umhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyeSilimela 2025.