Ababini ababesakuba ngabasebenzi bevenkile enkulu batyholwa ngokuba i-R2.3m yoMqeshi.

By Asipile Kitchen.

Ababini ababesakuba ngabasebenzi base-Acres SPAR babanjiwe ngoLwesithathu kwaye bavele enkundleni ngetyala lobuqhophololo, ubusela kunye nokukhwabanisa imali.

Owayesakuba ngumphathi wase-Acres SPAR uNicole Baker, oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala nowayesakuba ngunoBhuku uChantelle Erasmus, oneminyaka engamashumi amane anesibhozo (48), bavele phambi kweNkundla yezoRhwebo eGqeberha emva kokubanjwa kwabo ngooKhetshe (HAWKS).

Othethela i-HAWKS uWarrant Officer, Ndiphiwe Mhlakuvana, uthe kutyholwa ngelithi basebenzise imali engange-R2.3m yeshishini phakathi konyaka ka-2021 no-2023.

“Phakathi kwemisebenzi yabo yemihla ngemihla ibikukubhala imali ezinkozo baze bayifake kwi-akhawunti yebhanki yeshinshini ,” utshilo uMhlakuvana.

“Nangona kunjalo, endaweni yokufaka imali ebhankini, kutyholwa ngokuba bohlulelana ngayo.

“Kwezinye imeko abarhanelwa bayalela omnye umntu ukuba afake imali kwi-akhawunti enye.”

UMhlakuvana uthe ngexesha lophicotho-zincwadi, kuye kwachongwa ukungangqinelani kwaye lo mbandela udluliselwe kwi-HAWKS.

“Uphando luqinisekisile izityholo zokuba abarhanelwa babambene ngobusela kule venkile kwaye ngenxa yoko yaphulukana nengeniso exabisa i-R2.3m.”

Esi sibini sikhululwe ngebheyile ye-R5000 umntu emnye.

Eli tyala limiselwe umhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyeSilimela 2025.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.1 ° C
23.1 °
23.1 °
79 %
2kmh
83 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA