I-MK Party icela ukuba arhoxe esikhundleni uMphathiswa wezeMali ngenxa yokujikwa kwesigqibo sokonyuswa kweRhafu yeNtengo (VAT).

By Buhle Nomgalasa.

UMbutho woMkhonto weSizwe (MK) umemelela ukuba arhoxe esikhundleni uMphathiswa wezeMali u-Enoch Godongwana kulandela ukurhoxiswa kwesiphakamiso sokonyusa irhafu yentengiso (value-added tax) (VAT). NgoLwesithathu ebusuku, uGodongwana ubhengeze ukuba akusayi kuphinda kuqatshelwe lo mkhwa.

Iqela leMK Party, elichasene nokuphunyezwa kolu nyuko, lithi isigqibo sibonisa ukuba uGodongwana usilele ukukhokela kwisikhundla sakhe.

UNobhala-Jikelele walo mbutho, uFloyd Shivhambu, uthethe nabalandeli bombutho we-MK ecaleni kwetyala lenkokeli yombutho uJacob Zuma kwinkundla yaseMgungundlovu.

“Amaqabane njengamalungu oMkhonto weSizwe, kufuneka anyanzelise uMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana ukuba arhoxe ngoko nangoko.

Kusenjalo, uGodongwana ufumene inkxaso egcweleyo kumbutho wakhe wezopolitiko, i-African National Congress (ANC), ephinde yaqinisekisa ukuba akukho mfuneko yokuba arhoxe kwisikhundla sakhe. Ukungaphumeleli kohlahlo lwabiwo-mali, okudityaniswe sisicelo sikaGodongwana esingaphumelelanga sokunyusa irhafu yentengo (VAT), sinyuse ikhwelo lokuba makasuswe kwisikhundla sobuphathiswa.

Umphathiswa uzamkele izindululo zezinye iindlela endaweni yokunyuswa kwerhafu yentengo (VAT), emva kweeveki zothethwano namaqela aliqela ezopolitiko.

Ethetha kwindibano noonondaba ngamaqela ngamaqela ngoLwesine, unobhala jikelele we-ANC uFikile Mbalula uthi uGodongwana ulapha ukuze ahlale.

“Uwenzile umsebenzi ebekulindeleke kuye. Uye wabonisana nemibutho yezopolitiko kwaye abo bakhetha ukungambandakanyi khange badibane naye. Sazibandakanya nemibutho yezopolitiko. Abanye bathi masiyikhuphe le nto, emva koko sithethe.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
19 ° C
19 °
19 °
66 %
2kmh
5 %
Fri
34 °
Sat
26 °
Sun
26 °
Mon
27 °
Tue
33 °

EZITHANDWAYO INDABA