Limiselwe umhla weshumi elinesixhenxe(17) kweyoMqungu 2023 ityala likaSaziso Mbajana nojongene nezityholo zokubulala ngokungena sisini unyana wakhe ogama linguSinobomi Tywantsi nobeneminyaka emithandathu(6) ubudala eBhangweni.
UMantyi ugqibe kwelokuba ityala limiselwe inyaka ozayo logama uMbanjana ezakulindela olusuku lovela kwakhe engaphakathi eziseleni.
UNgcubese nolitshantliziyo lwasekuhlaleni uthi bayavuya ukuba uSaziso ezokugcinwa eluvalelweni kwaye bafuna ukuba loka Mbanjana agwetywe ubomi kwezimnyama izisele kungenjalo bona bengabahlali abaxakwanga nto ukuthathela umthetho ezandleni ukuba uSaziso uyaphuma etilongweni.
Amalungu asekuhlaleni aphefumle ngelithi urhulumente lelona xesha lilungele ukuba kubuye isigwebo sentambo kuba ababulali abahlali xesha lide eluvalelweni. Umama wale nkwenkwana uthe umqweno wakhe kukuba lo ka Mbajana ave ubuhlungu obaviwa ngumntana wakhe ngoku wayembulala enganalusizi.
Umbutho weqela lezopolitiko iATM nebikhokelwa nguZama Ntshona ngolusuku eMonti uhlabe ikhwelo kuMongameli weli uCyril Ramaposa ukuba athathe amanyathelo ngezigwebo eziqatha ngakubenzi bobubi, nababulala uluntu lweli ngaphandle kwesazela.
Ukwathe ezizigila mkhuba azizisoli ngezenzo zabo koko baqhayisa ngamalungelo abo okuphila okukrolwe kumgaqo wesiseko weli. IATM ithi ababulali abanje mabangalinikwa tuu ilungelo lokuphila kuba nabo babulele besohlutha ubomi emtwini koko kubuyiswe isigwebo sentambo.
Ingxelo: Anita Qubula






