Yindibano yoshishino eNtabozuko eBerlin kwibala lomdyarho wamahashe owaziwa nge Berlin November . Eli linqanaba besithoba (9th) yeminyhadala ekhule ngokukhawuleza ngaphambili kokubhiyozela isikhumbuzo nyanka weShumi (10th).
Abaququzeleli balo mnyhadala bagqiba ekubeni benze banyese izinga kwiqonga lehlobo (Summer Stage Music festival) abakholwa ukuba yeyona nto ingcono kakhulu kwimikhosi yayo kwiminyaka eyisibhozo (8) edlulileyo. Iqonga lehlobo(summer stage) limiselwe ukuba libe lelinye iqonga elizakutsala umdla kakhulu kunye namatikiti afikelelekayo.
Lomnyhadala ucwangciswe ngononophelo kwaye uzakuba neenkonzo zolonwabo ezifana nendawo zodlala ezilungiselelwe abantwana, izithebe zokutya kunye nomboniso wenkonzo zikarhulumente. Iinkonzo zikarhulumente ziya kubandakanya ingqesho kunye nabasebenzi abancedisayo nge-UIF yakho, kunye nemiba ye-COIDA, ukufumana uhlolo lwe-TB simahla ngelixa usonwabela imiboniso yamagcisa owathandayo aphesheya kunye nawesizwe.
Abathandi bolonwabo bazakube bejongene neemvumi ezaziwayo ezifana noSomething Soweto, Zola, Cairo, Brian Temba noHarrison Crump, Bethusile Mcinga, Ikhona nabanye abaninzi, belihombisa iqonga. Ezi mvumi zaziwayo zomculo ziya kuzisa ulonwabo kunye nomculo wabo ophumelele ibhaso kunye nemidlalo ephilayo.
Kuluhlu loosaziwayo abazozimasa lo msitho nguOros Mampofu, Andile Nebulane, Dumisani Mbebe, Mbali Maphumulo, Sello Maake Kancube, Vusi Thanda, Amaza Ntshanga, Noxolo Nomana, Lebo Gunguluza, Luyanda Potwana ukubala abambalwa.
Bangaphaya kwamamashumi amathathu ama wakwa (30 000) abathandi bempahla, uMculo, ubumnandi kunye nabathandi bokutya abaphuma kwilizwe ngokubanzi ekulindeleke bagcwale idolophu encinci yaseNtabozuko. Abaququzeleli bakhuthaza abantu ukuba bafumane amatikiti abo kusesekuseni ukuthintela ukuphoxeka nanjengoko sele ephantse ukuthengiswa amatikiti.
Ngeli xesha, kukho inkitha yemisitho ecetyiweyo njengenxalenye ye-hype yeBerlin kweNkanga kwaye ezi zifundeka njengesikhokelo segig.
Kuzabakho uphiso lwamatikiti ngoLwesihlanu we-19 kweyeNkanga eBuhlanti naseBuccs.Enye ingomhla wamashumi amabini (22) kwinyanga yeNkanga e17th eJabavu, eGinsburg kwidolophu yaseQonce.
Indawo yokuphumza i-Pub kunye ne-braai yokuphumla iMan’s King Williams Town iya kuthoba uphahla kwakhona nge-20th Novemba kwaye kukho amatikiti acwangcisiweyo apho kwakhona.