22.5 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Abachaphazelekayo kudushe loonoteksi olugquba eSajonisi, baceba ukuhlala kwisithebe seengxoxo

Kulindeleke ukuba iBorder Alliance Taxi Association kunye neenkokeli zeUncedo Taxi Association zidibane norhulumente nabanye abachaphazelekayo ukuzama ukusombulula udushe loonoteksi oluqhubeka eSajonisi eMpuma Koloni.

Abantu abathathu badutyulwe izolo, ngelixa abathathu babulawa kwiveki ephelileyo. Ukuza kuthi ga ngoku abantu abalishumi elinanye babanjiwe kwathathwa imipu elishumi elinesihlanu equka imipu emincinci kunye neeAK47.

Udushe loonoteksi luchaphazele uqoqosho nobomi babahlali bale dolophu incinci.

Amashishini ebevaliwe lo gama abanye abafundi bebengakwazi ukuya esikolweni.

Indlela uR61 phakathi kweLusikisiki nePort St. Johns ibivalwe ziiteksi. Oku kukwachaphazele iilori ezidlula kule ndlela. Kwanyanzeleka ukuba umasipala angenelele.

“Sinemeko apho amashishini ethu athe avalwa; sinabantwana abangakwazanga ukuya esikolweni. Iyakhathaza kakhulu kodwa siza kuthethathethana nemibutho yoonoteksi emibini, amapolisa kunye nabanye abachaphazelekayo ukufumana isisombululo kuba asinakuqhubeka ngolu hlobo. Abantu ngoku bayasokola ukuya emakhayeni abo, emsebenzini nasesikolweni kodwa siza kufikelela kwizinto esivumelana ngazo ukuze siqhubeke nobomi,” utshilo uSodolophu waseSajonisi uNomvuzo Mlombile Cingo.

Yomibini imibutho yeeteksi ithi uxolo sisisombululo.

“Sisandula ukuva ngolu dushe loonoteksi; Ndisafumana ulwazi oluninzi malunga nokuba kwenzeke ntoni na apha. Ewe kubi kakhulu, kwaye asonwabanga ngokubulawa kwabantu kodwa mandithi sizakudibana sithethe ngokusombulula ezi ngxaki ukuze ubomi buqhubeke njengesiqhelo. Sifuna ukubona uxolo, sifuna ukhuseleko kwaye ngokuqinisekileyo ngomso isisombululo siya kufikelelwa,” utshilo uFuzile Mtshengele, uMongameli we-Uncedo Taxi Association.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.5 ° C
22.5 °
22.5 °
22 %
4.1kmh
38 %
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
29 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks