Amapolisa aseSajonisi afumene imipu elishumi elinesihlanu kulandela udubulo lwangoLwesibini oluthe lwasuba imiphefumlo yoonogada abathathu.
Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi kufunyenwe imipu, ii-AF 47s, imipu emincinci kunye neembumbulu ezingama-328.
Abarhanelwa baza kujongana nezityholo zokubulala, ukuzama ukubulala, ukonakalisa impahla, ukukhupha imipu kwindawo eyakhiweyo kamasipala kunye nobundlobongela basesidlangalaleni.
UColonel Naidu uthi kuqhambuke idabi lokudubulana phakathi kwemibutho yoonoteksi emibini kwingingqi yaseLusikisiki naseSajonisi.
Iimoto ezintathu nazo zitshiswe ngethuba lesi sehlo.
Abantu abathandathu bonzakele kwaye banyangwa esibhedlele.
UColonel Naidu uthi kukho ingxinano enkulu yamagosa asebupoliseni abekwe kule ndawo ukuqinisekisa uzinzo.
UMkomishinala wamaPolisa uNjengele Nomthetheleli Mene ukubethelele ukuba amapolisa nabachaphazelekayo bakwingxoxo-mpikiswano nayo yomibini imibutho yoonoteksi ukuze kupheliswe le mbambano.



