IQela labacuphi abanamava likumsebenzi lokukhangela abarhanelwa ababandakanyeka kudubulo okwenzeke ngoLwesithathu, umhla wesine (04) kweyoMnga 2024, kwiNdawo yaseMente, eWillowvale. Amatyala amane okubulala avulwe kwisikhululo samapolisa, eWillowvale.
Ulwazi ludiza ukuba uNdlunkulu kunye nabantwana bakowabo bebehamba ngeToyota Cross besingise eWillowvale Central Business District ngethuba kusithi gqi iimoto ezimbini zohlobo lweToyota Avanza zisuka macala.
Kutyholwa ukuba ezi moto zeAvanza ziwise abantu ababini kwimoto nganye esecaleni kwendlela. Izithuthi zombini zajika zabuyela kwicala ebezisiza ngalo . Kutyholwa ngelithi enye yemoto yakwaAvanza yabuya yamisa iToyota Cross, kwavakala izithonga zompu.
Kuphando amapolisa afumene isithuthi kungqameko lomlambo. Izidumbu ezine zamadoda phakathi kweminyaka engamashumi amathathu (34) namashumi amahlanu anethoba (59) eminyaka zifunyenwe. Abathathu bebengaphakathi emotweni ngelixa omnye engaphandle emotweni.
Unobangela wokudutyulwa kwabo awukacaci okwangoku kwaye uzakuba yinxalenye yophando oluqhubekayo lweCandelo loPhando olunobuNtungu noBundlobongela kwiPhondo.
Nabani na onolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa uyacelwa ukuba aqhagamshelane nenombolo ye-SAPS CrimeStop 08600 10111 okanye axele kwiSikhululo samaPolisa esikufutshane.

