Abacuphi baseKariega baphanda izihlandlo ezithathu zokubulala emva kokufunyanwa kwemizimba yamadoda amathathu kuhola wendlela i-Amanzi ngaku-R75 ngoMgqibelo.
Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi emva kwemini umntu obesendleleni eya efama, uphawule izidumbu zinomonzakalo izihlandlo ezininzi.
Uthi kungekudala bafumanise ukuba amaxhoba amabini axhwilwa KwaDwesi ngoLwesihlanu ngabarhanelwa beqhuba iFord Bantam LDV emhlophe.
Amalungu osapho achaze la maxhoba njengoYamkela Fatyi oneminyaka engamashumi amabini ananye ubudala kunye noAshley Blaauw onamashumi amabini anesibhozo.
UColonel Naidu uthi umfi wesithathu akakachazwa.
Uthi kuzakuqhutywa uvavanyo lomzimba ukuze kufunyaniswe oyena nobangela wokubhubha kwabo.
Unobangela kunye nabarhanelwa abaziwa okwangoku.

