UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo uBlade Nzimande uthi isebe lakhe lithethathethana nabachaphazelekayo ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba imiba yokhuseleko ilungiselelwe ngokwaneleyo, xa kuthe kwakho uqhanqalazo kumaziko emfundo ephakamileyo.
Uvele phambi kweKomiti yePalamente yeSebe leMfundo ePhakamileyo ukuze axoxe ngokulungela kweli candelo unyaka wokufunda wama-2024.
Kulo nyaka, amaziko ali-11 aqhankqalaze ngemiba edibeneyo efana nenkxaso-mali, amatyala abafundi kunye neendawo zokuhlala.
UNzimande uthi isebe likwiingxoxo eziqhubekayo nabo bonke abachaphazelekayo ukunciphisa imingeni.
“Silisebe, sichonge zonke iindawo ezidla ngokunxulunyaniswa namaziko athile kunye neengxaki ezithile, apho imiba ingalungiswanga kakuhle, ukuze sikwazi ukuzilungiselela ngcono. Kwindawo yokuhlala, ukwamkelwa, izigqibo zenkxaso-mali, kunye notshintshiselwano lwedatha yobhaliso phakathi kwezinye.

