Abacuphi beSAPS baseBethelsdorp bafuna uncedo kuluntu ekukhangeleni owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anethoba, (39), ubudala owalahleka ngoMgqibelo, umhla we-29 kweyeSilimela 2024.
Ngokwengxelo, uCarla Groenewald wemka endlwini yakhe ngoMgqibelo umhla we-29 kweyeSilimela kwisitalato iMpuko, eJacksonville, malunga nentsimbi yeshumi (22h00) engamxelelanga umyeni wakhe apho aya khona. Umyeni wakhe walandelela usapho kunye nabahlobo awayesoloko ebatyelela kodwa akazange akwazi afumane mkhondo. Zange aphinde agoduke, kwaye ngoLwesibini (2) kweyeKhala, kwabikwa ukuba ulahlekile emapoliseni aseBethelsdorp.
Ngexesha lokuduka kwakhe, wayenxibe ibhatyi emdaka, iithayithi ezimnyama zedizili, kunye neebhutsi eziblowu.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekufumaneni uCarla Groenewald ukuba anxulumane neSAPS yaseBethelsdorp ku-D/Sgt Nwabisa Diko 071 608 1641 okanye kwi-Crime Stop yethu engu-08600 10111 okanye angaya kwisikhululo samapolisa esikufutshane. Zonke iinkcukacha ziyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.
By Anita Qubula.

