KUBANJWE ABARHANELWA ABATHATHU NGEZITYHOLO ZOKUBULALA UKUNGAWE NYHWEBA, (19) waseDIKENI.

Kuvakala ukuba uKungawo Nyhweba (19) uduke kwikhaya lakhe ngoLwesihlanu umhla wesihlanu kweyeKhala kwaye wabikwa emapoliseni ngoMvulo (08/07) ukuze kwenzwe uphando. Emva kophando amapolisa afumene ulwazi lokuba uthathwe ngowayesakuba liqabane lakhe kunye nomhlobo wakhe.

Uphando lokuqala olwenziwe ngamapolisa lukhokelele ekufumaneni umzimba wakhe izolo (10/07) esigageni kwindawo yaseBakhwetheni kwilokishi yaseJoza, eMakhanda. Ngokweenkcukacha, kubankanyeka abarhanelwa abane ekuxhwileni nasekubulaleni uKungawo, kwaye ababini kwaba barhanelwa babanjwe phezolo ngentsimbi yeshumi elinesithoba besuka kumakhaya abo eGolf Course, eAlice.

Umrhanelwa wesithathu oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubanjiwe izolo ngamapolisa aseZwelitsha ngelixa umzimba womnye umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesithandathu (46) ufunyenwe e-Indwe phezolo ngentsimbi yeshumi elinanye (23:00).

Idokethi yophando livuliwe kodwa uphando lwamapolisa luyaqhubeka.

Umrhanelwa uzakuhlangana nabanye abarhanelwa ababini abasele bebanjiwe, kwaye bonke baza kuhlawuliswa ngokuxhwila nokubulala. Aba bathathu bazakuvela kwiNkundla kaMantyi yaseAlice ngoMvulo weshumi elinesihlanu (15) kweyeKhala 2024.

UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene kunye nabaphathi bakhe balusizi ngokubulawa kwentwazana (19) eAlice izolo (10/07).

UMkomishinala wePhondo, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uwaqhwabele izandla amalungu amapolisa ngempendulo ekhawulezileyo yokuqinisekisa ukuba uyafunyanwa kwaye umzimba kaKungawo. Oku kuthumela umyalezo ongqingqwa kuwo onke amalungu oluntu ukuba aMapolisa ayabukhalimela uBundlobongela obuSekelwe kwiSini (Gender Based Violence) (GBV), kwaye akasayi kuzinyamezela izenzo zobukrwada eziloluhlobo.

“Siza kusebenza ngokuzimisela ukungenelela ekulweni i-GBV kwiindawo zethu kwaye siqinisekise ukuba siyakulandela naziphi na iinkokeli kwaye sigwebe abenzi bobubi,” wongeze watsho.

By Siyakholwa Vuso

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA