27.1 C
King William's Town
Monday, February 17, 2025

Abafundi be Bachelor of Science eFort Hare abakulungelanga ukubhaliswa kwi HPCSA

Abafundi abathweswe izidanga zobuNzululwazi kwiSpeech-Language Therapy kwiYunivesithi yaseFort Hare bahleli bebambelele ngezandla entloko emva kokuxelelwa ukuba abasayi kubhaliswa kwibhunga lezempilo iHealth Professions Council (HPCSA) ngenxa yokuba iziqinisekiso zabo azifikeleli kweyona migangatho imiselweyo ngaphandle kwebhunga.

Iqela lokuqala labafundi abafumana isidanga seminyaka emine laqala ngo-2018 laza lathweswa izidanga ngo-2021.

Sele kukho amanye amaqela amabini abafundi abathe bathweswa izidanga ngo-2022 nangonyaka ophelileyo, kodwa akukho namnye kubo obhalisiweyo kwi-HPCSA.

Usihlalo weHPCSA weBhodi yeeNtetho, uLwimi kunye neNokuva, uLebogang Ramma uthi iziko laziswe ngo-2021 ukuba le nkqubo ayihambelani nemigangatho.

“Ukuze inkqubo ifumane ukuvunywa kwayo, kufanele iingxelo zenkqubela phambili rhoqo malunga nendlela inkqubo ephunyezwa ngayo kufuneka ifakwe kwi-HPCSA.”

URamma uthi emva kokufunyanwa kwengxelo yokuqala kule yunivesithi ngo2019, ibhunga liqaphele izinto ezininzi ebezingekho nto leyo ethetha ukuba amalungu ebhunga kuzakufuneka atyelele eli ziko ukuqinisekisa ukuba ezi ngcebiso ziphunyezwa ngendlela eyiyo.

Olu tyelelo ke luya kuba yindleko yeyunivesithi. “IFort Hare icele ukuba singezi ngo-2019 kodwa size ngo-2020 nanjengoko bengenazo iimali zotyelelo.

Kwathi ke ngenxa yobhubhani we-COVID-19 kunye nemimiselo, utyelelo alubanga nako ukwenzeka njengoko bekucwangcisiwe kodwa ibhunga lacela ukuba iziko lingenise ikharityhulamu yalo ukuze ihlaziywe.

NgoJuni ka-2021, utyelelo oluvela kwi-HPCSA ekugqibeleni lwenzeka kwaye kunjalo, inkqubo ayizange ihlangabezane nemigangatho. “Izindululo ezisibhozo ezenziwe libhunga ukunceda ukuqinisekisa ukuba le nkqubo iyavunywa.” Ekupheleni kuka-2021, iingcebiso bezingekaphunyezwa.

URamma uthi iintlanganiso ezininzi zokubuyela emva naphambili zabanjwa neDyunivesithi yase Fort Hare ukusindisa lo mbandela.

Uthi kwaneemviwo ebezisekwe leli ziko bezisezantsi kakhulu kangangokuba bebengakwazi ukuvumela abafundi ukuba baphume baye ebaleni (Practicals).

Umphathi wabafundi ngoko waphumeza inkqubo enzulu yabafundi abaphumeleleyo ngo-2021/2022 ukubanika ulwazi oluthe kratya kunye noqeqesho lokuhlangabezana nemigangatho ye-HPCSA

“Sizilindile ezo ziphumo kwaye xa sele sizifumene, ibhodi iya kuthi emva koko ithathe isigqibo sokuba ngaba abafundi banokubhaliswa na okanye hayi.” wongeze watsho uRamma

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.1 ° C
27.1 °
27.1 °
59 %
1.3kmh
100 %
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks