Bavele phambi kwenkundla kamantyi eMonti abarhanelwa abathathu

Ngokuhlwa kwaNgoLwesibini malunga nentsimbi yesithandathu amalungu aphantsi kweFlying Squad yaseMonti abambe abarhanelwa abathathu abaphakathi kweminyaka engama-24 nama-27 eminyaka ubudala.

Amapolisa abizelwe kuphango oluxhobileyo obeluqhubeka eQuigney nalapho afumanisa ukuba esi sehlo senzeke kunyaka ophelileyo kweyoMnga.

Kuphando Amapolisa afumana ulwazi malunga nabarhanelwa ababebandakanyeka kunyaka ophelileyo ngophanga bexhobile kwaye balandela ngokukhawuleza baya kwindawo ejikeleze iQuigney apho bafumana abarhanelwa.

Bathi bakubagqogqa baye bafumana umpu ongenampepha ongenazimbumbulu. Emva kophando, bathatha amapolisa bawasa kwindawo apho bathengise iselula Amapolisa agqogqa kodwa akwabikho mpumelelo endaweni yoko kwafunyanwa umrhanelwa ephethe intsango wabanjwa.

Esi sithathu siye sabanjwa ngoko nangoko ze sabekwa ityala lokuphanga sixhobile, ukuba nentsangu nokuba nemipu ngaphandle kwempepha-mvume.

Bavele kwinkundla kamantyi eMonti namhlanje.

UBrigadiya obambeleyo weSithili saseBuffalo City uChris Wright uyiqhwabele izandla impendulo ekhawulezileyo yamalungu ekhokelele ekuthathweni kompu ongenampepha ekurhaneleka ukuba usetyenziselwa ukwenza ubugebenga.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA