16.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Abafundi eMpuma Koloni balaliswe esibhedlele bekrokrelwa ukuba batyhefeke ekutyeni

Isebe lezempilo eMpuma Koloni lithi lime mantsantsa emva kokuba abafundi abasibhozo bengeniswe esibhedlele ngolwesiThathu berhanela ukutyhefeka ekutyeni.

Othethela isebe uSizwe Kupelo, uthi aba bafundi bebephuma kwisikolo samabanga aphantsi iMgxotyeni ngaseDebe Nek kwaye basiwe kwisibhedlele saseKeiskammahoek.

Uthi aba bantwana bebephethwe sisisu begabha, logama abanye bekhala ngentloko ebuhlungu.

UKupelo uthi aba bantwana baxele ukuba bayagula emva kokuba betye ii-chips neebhiskithi abazithenge kwispaza.

Uthe babekwe esweni kwaye bakwimeko ezinzileyo.

Kwiveki ephelileyo, bamalunga nekhulu elinamashumi amabini abafundi bezikolo ezibini zaseKomani abathe basiwa kumaziko ezempilo ezibini emva kokukhathazwa sisifo esibonakala sihambelana nokutya.

Isebe lithe akukabikho uvavanyo lokuqinisekisa unobangela wokugula kwabo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
16.2 ° C
16.2 °
16.2 °
74 %
2.3kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
27 °
Sat
28 °
Sun
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks