15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

ABAFUNDI NOOTITSHALA BAYAWA ESIKOLWENI eKOMGA

Ikwisikolo samabanga aphantsi i-Sithanda Sinako eKomga abafundisi-ntsapho bewile namhlanje ekuseni esikolweni. Kusuku olungaphambili kuvakala ukuba ababafundi bebengenwe yinto nekukholeleka ukuba yimimoya engendawo de bawa ngelixa abanye besiwe kumaziko ezempilo ekuhlaleni.

Ngokwengxelo yencwadana ebhalwe nguPetros Majola weKhula Development Project isiya kwabasemagunyeni kwiZiko lezemfundo ukuze kukhawulezwe ukusabela lemeko uthi ubongoza uMphathisw uFundile Gade ukuba angenelele ukuqwalasela lemeko kwaye ancede khe anqumamise ukufunda ityhutyana ukuze abakwalizwi khe bangene ukuthandaza kugxothwe lemimoya.

Kukwavakala ukuba ngale ntsasa isikolo kunye nabazali bagqibe ukuba babeke iidesika ngaphandle ukuphepha ukugcina abantwana ngaphakathi njengoko besoyika oluhlaselo lwemimoya engendawo, ngelixa belinde uqalisa iimviwo, ootitshala nabo baqala ukubona iziporho kwaye bawa. Bathathu ootitshala abawileyo.

Kubongozwa isebe lezemfundo eMpuma Koloni ukuba lithathelo ingqalelo ukunqunyanyiswa kokufunda lo gama kusathetha-thethwana nebhunga lamabandla okanye naliphi na icandelo lezenkolo ukuncedisana.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks