Kubhubhe abaphathi beTaxi ababini eMthatha

Amapolisa aphumeze iphulo lokugqogqa abarhanelwa, emva kokuba kudutyulwe abaphathi bee teksi ababini phantsi kweemeko ezingaziwayo eMthatha izolo.

NgoLwesithathu, umhla wesixhenxe kweyeSilimela 2023 malunga nentsimbi yesithandathu enemizuzu engamashumi anesine(18:40), amapolisa abizelwe kwisimangalo sokubulala, emva kokuba iveni yohlobo lweToyota emhlophe ebinabakhweli ababini intlitheke kwisango leBed and Breakfast eSlovo Park, e Mthatha.

Abahlali ababini bebenamanxeba okudutyulwa kumzimba ongasentla,
kwaye babhengezwe njengabaswelekileyo kwindawo yexhwayelo. Kutyholwa ngelithi abahlali bale ndawo bave izithonga ezininzi phambi kokuba iveni ijike endleleni. Okwangoku, iinkcukacha ziseyimizobo kwaye amapolisa alandela zonke izikhokelo. Abantu ababhubhileyo bachongwe njengoMasixole Gebengu oneminyaka engamashumi amane anesixhenxe(47) kunye noDumisani Bango oneminyaka engamashumi amane anesibini(42). Bobabini kukholelwa ukuba ngamalungu ombutho wasekuhlaleni weeteksi.

Amapolisa abongoza ukuba nabani na onokuba nolwazi olunokukhokelela ekubanjweni komrhanelwa ukuba aqhagamshelane nelungu elikhokela igqiza eliphandayo ku- 082 393 1062 ulwazi lungathunyelwa naku-Crime Stop ku- 08600 10111.

Imibuzo: UWarrant Officer Majola Nkohli
082 779 7279

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA