By Buhle Nomgalasa.
Ukunqongophala kwabasebenzi kwiziko le mpilo laKwazakhele kubeka ubomi bezigulana esichengeni, ekufuneka zifole ngaphandle kweziko ukusuka ngentsimbi yesihlanu (5) kusasa ngethemba lokufumana uncedo.
NgoMvulo, umhla wamashumi amathathu (30) kweyeSilimela 2025, abahlali abanxungupheleyo bavale indlela yokungena kwiziko lempilo baza batshisa amatayara ngaphandle kwesango bekhalazela ukusilela kwesebe lezempilo eMpuma Koloni ukuvala izithuba ezingenabantu.
Eli ziko lempilo, lijongene neqela elikhulu labahlali, alinaye umphathi wotyando emva kokuba umntu wangaphambili ethathe umhlala phantsi ngo-2023.
Eli ziko linomncedisi kasokhemesti omnye kuphela, umsebenzi jikelele kunye nabongikazi abasibhozo (8). Abahlali bahlangane ngaphandle kweliziko lempilo kwakhona ngoLwesibini bevala ukungena. Amapolisa oCwangco loLuntu alungisa indlela asusa nobutyobo obutshileyo. Abanye abongikazi kunye namagosa esebe lezempilo bebemele ukudibana ngaphakathi, kunye nekomiti yeliziko, ukulungisa imiba ethile.
Ungqonyela weenkonzo zempilo kwisebe lezempilo kwisithili uSindiswa Gede ucele ukuba le ndibano ibanjwe ngaphandle kweminyango, nangona kunjalo, ibangele ukruthakruthwano, nabahlali besala ukushiywa ngaphandle.
Othethe egameni labahlali, uLwando Mange uthe basoloko begada kwangentseni ukuqinisekisa ukuba abo basemgceni abahlaselwe zizikrelemnqa.
“Eyona ngxaki yethu kukucotha kokunceda izigulana ngenxa yokunqongophala kwabasebenzi.“
Eli liziko likhulu kangaka libonelela iindawo ezininzi, ukanti kukho abongikazi abasibhozo kuphela.
Bahlala bengakwazi ukuthatha ikhefu kwaye ukungabikho komntu omnye kuyavakala kwaye abahlali kufuneka balinde ixesha elide lenkonzo.”
UMange uthe eli ziko lihlala limdaka kuba kufuneka kucocwe zonke iindawo kuquka nezindlu zangasese. ngumntu omnye.
“Liba mdaka msinyane kwaye xa ehamba ethatha ikhefu lakhe iba yingxaki enkulu. “
Oku kubandakanya ukupakisha amayeza xa iiodolo zifika kwaye zinikezelwe kumakhulu abantu.
“Kubuhlungu ngokwenene, ngakumbi kwizigulana ezifumana ii-ARVs [ii-antiretroviral] zazo kuba zifuna unyango lwazo yonke imihla kwaye azina ntsuku ezintathu zokulinda de zincedwe, kwaye kwa abongikazi bayabangxolisa.”
Ethetha noluntu, uGede uthe umphathi wesebe lezempilo uRolene Wagner udibene nabameli babasebenzi ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyesilimela ngeenjongo zokusombulula imiba yabasebenzi. UGede uthi baxakene nenkqubo yoqinisekiso yokujonga amaziko empilo angamashumi amane anesibhozo (48) eNelson Mandela Bay.
Eli ziko ngoku linabongikazi abasibhozo abaqeshiweyo, nto leyo ethetha ukuba iyahlangabezana neemfuno zokusebenza, kodwa owona mba ungxamisekileyo apha kukuba kukho umsebenzi jikelele omnye kuphela.
“Siza kufumana ingxelo ngazo zonke izibonelelo zesi sithili kuquka iziko elihambayo kunye neenkonzo zokufikelela ebantwini, nto leyo ezakuthi ibonise ukuba zeziphi izibonelelo ezinabasebenzi abaninzi kunabo bafunekayo kwaye siza kubafudusela apho kunqongophele khona.”
UGede uthe ukunqongophala kwabasebenzi yingxaki kwisixeko sonke kwaye bajonge kuhlahlo lwabiwo-mali lwesebe ukujonga ukuba ayikho na imali yokuqesha abantu abaninzi.
Unobhala wekomiti yekliniki uNolusindiso Magida uthe babhale ileta kwaye bafowunela amagosa afanelekileyo ukuba ajongane nale miba.