13 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

Ooneqevu baqhushumbise i-ATM ngentsasa yangoMvulo, eQonce.

By Asipile Kitchen.

INkonzo yamaPolisa aseMzantsi Africa ivule ityala lokuphangwa kweshishini nokuqhushumbiswa kweATM emva kwesiganeko esenzeke ngentsasa yangoMvulo e-Engen Garage naseWimpy kwisitalato iCarthcart, eQonce.

Iingxelo zokuqala zibonisa ukuba malunga nemizuzu emihlanu emva kwentsimbi yesibini, abarhanelwa abangamadoda amabini axhobileyo basondele kunogada weOptimum Security owayesenza umsebenzi wepatroli. Aba barhanelwa baxhobileyo banyanzele lo nogada nomqeshwa wokubhaka izonka obethathe ikhefu ukuba babuyele ngaphakathi evenkileni. Bayalela bonke abasebenzi ukuba balale phantsi phambi kokufuna ukufikelela kwiirejista zemali.

Xa umsebenzi ecacisa ukuba akazokwazi ukuvula ithili kuba esebenza kwisebe elohlukileyo, abarhanelwa baqhubeka nokuqhumisa iziqhushumbisi kwiATM engaphakathi kule ndawo. Eyona mali ibiweyo ayikaqinisekiswa.

IQela loPhando ngendawo yoLwaphulo-mthetho yeSAPS, iYunithi yeziQhushumbisi kunye nabaCuphi basekuHlaleni baye kwindawo yexhwayelo. Iingcaphephe zenkundla zajongana nobungqina kulendawo ngelixa amapolisa ekhangela abarhanelwa.

Akhange kubekho monzakalo okanye ukubhubha ngexesha lesi siganeko, Akukabanjwa mntu ukuzothi ga ngoku.

Uphando lusaqhuba.

ISAPS ibongoza nabani onenkcukacha ngesi sehlo ukuba aqhagamshelane neCrime Stop ku-08600 10111 okanye uMySAPS App. Iingcebiso ezingaziwayo zamkelekile.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
13 ° C
13 °
13 °
68 %
4.1kmh
72 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks