By Asipile Kitchen.
INkonzo yamaPolisa aseMzantsi Africa ivule ityala lokuphangwa kweshishini nokuqhushumbiswa kweATM emva kwesiganeko esenzeke ngentsasa yangoMvulo e-Engen Garage naseWimpy kwisitalato iCarthcart, eQonce.
Iingxelo zokuqala zibonisa ukuba malunga nemizuzu emihlanu emva kwentsimbi yesibini, abarhanelwa abangamadoda amabini axhobileyo basondele kunogada weOptimum Security owayesenza umsebenzi wepatroli. Aba barhanelwa baxhobileyo banyanzele lo nogada nomqeshwa wokubhaka izonka obethathe ikhefu ukuba babuyele ngaphakathi evenkileni. Bayalela bonke abasebenzi ukuba balale phantsi phambi kokufuna ukufikelela kwiirejista zemali.
Xa umsebenzi ecacisa ukuba akazokwazi ukuvula ithili kuba esebenza kwisebe elohlukileyo, abarhanelwa baqhubeka nokuqhumisa iziqhushumbisi kwiATM engaphakathi kule ndawo. Eyona mali ibiweyo ayikaqinisekiswa.
IQela loPhando ngendawo yoLwaphulo-mthetho yeSAPS, iYunithi yeziQhushumbisi kunye nabaCuphi basekuHlaleni baye kwindawo yexhwayelo. Iingcaphephe zenkundla zajongana nobungqina kulendawo ngelixa amapolisa ekhangela abarhanelwa.
Akhange kubekho monzakalo okanye ukubhubha ngexesha lesi siganeko, Akukabanjwa mntu ukuzothi ga ngoku.
Uphando lusaqhuba.
ISAPS ibongoza nabani onenkcukacha ngesi sehlo ukuba aqhagamshelane neCrime Stop ku-08600 10111 okanye uMySAPS App. Iingcebiso ezingaziwayo zamkelekile.