By Esona Magawana
Iqela elihlanganyelweyo lokongamela, elibandakanya iKomiti yeSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yezeMveli (Cogta) kunye neKomiti eSisigxina yoMphicothi-zincwadi Jikelele, imemelele ukuba kuthathwe amanyathelo akhawulezileyo ukusombulula iintsilelo ezinzulu zolawulo ezithwaxa iphondo.
Kutyelelo lwakutsha nje kweli phondo, eli gqiza lidibene namagosa aphuma koomasipala abaliqela abaquka iNelson Mandela Bay Metro, Buffalo City Metro, kunye nomasipala wesithili iAmathole.
Iingxoxo zibonise oomasipala bephondo abathandathu kwabangamashumi amathathu anesithoba (39) abaphumeze uphicotho-zincwadi olungenachaphaza, ngeli lixa abangamashumi amathathu (30)behlelwa njengabaxhwalekileyo naphantsi kongenelelo lomgaqo-siseko ngokweCandelo lekhulu elinamashumi amahlanu(154) ngalinye.
UGqirha Zweli Mkhize, inkokeli yegqiza, wenze uvavanyo echaza ukuba ungenelelo lwangaphambili aluphumelelanga ukuvelisa iziphumo ezihleliyo. “Urhulumente wasekhaya akanakuqhubeka nokusebenza ‘kuhlaziyo’ lwamaphepha kunye nezibophelelo zobuciko’,” utshilo.
UMkhize ugxininise ukuba ukongamela kufuneka kukhokhelele kutshintsho, hayi ukuphindaphinda, kwaye oomasipala kufuneka babeke phambili ukulawulwa kwezimali, ulawulo lwangaphakathi olunamandla, kunye nolawulo lweziphumo zokuziphatha kakubi.
Eli gqiza lifuna ukuba bonke oomasipala bangenise iingxelo ezibhaliweyo ezibanzi kwisithuba seentsuku ezilishumi elinesine ukuya kwintsuku ezingamashumi amathathu (14-30) ezichaza amanyathelo abambekayo athathiweyo ukusombulula imiba ekudala ikho.
Iingxelo kufuneka zibandakanye uhlaziyo lweziphumo zophicotho-zincwadi, iinzame zokubuyisa amatyala, izenzo zolawulo lweziphumo, kunye nobume beprojekthi yeziseko zophuhliso.
Uphononongo lwegqiza luza kuqhubeka, noomasipala abahlanu abongezelelweyo abacwangciselwe ukuvela phambi kwegqiza elidibeneyo.