Abahlali bakwilali yaseGqukunqa benzelwe indlela entsha, eyonanto kudala bayilangazelela minyaka le.

By Sibusisiwe Mchasa

Abawuvali umlomo abantu bakwilali yaseGqukunqa, kuQumbu eMpuma Kapa xe enye yezinto ababezikhalazela kooceba abadlulileyo bathe baxhamla kwenye yazo.

Baxhelelw’xhukwane, banemincili bengawuvali umlomo okuba beve ezindaba
zizontshintsha isimo sentlalo yelali yaseGqukunqa jikelele.

Kudala bevuza izincwe befuna ukufana nezinye ilali, into ibingamandla kakhulu
ibikungabikho kwe ‘network’ yomnatha kwilali jikelele, kufuneka umane uyoma kwindawo
ezithile ukuze ukwazi ukuxhulumana nabantu kunomyayi. Abantu bakulelali izinto
ezinintsi ziyabaphosa ngenxa yesisimo bajongene naso sokungabikho kwe-‘network’
kwantlobo, kudala bekafa izicelo zolungisa le-‘network’ kodwa akukhonto ibambekayo.

Enye yezinto bebesilela kuzo ibiyindlela, ibhulorho, kunzima ukuhamba indawo
kungakumbi xa bekuthe kwanetha kuba imifula igcwele ngamanzi bengakwazi
ukuwelela ngaphesheya kwaye nemoto zingakwazi ukudlula. Umzekelo xa bethe
baya edolophini kufuneka babuye kwangethuba umntu uphela engazenzanga zonke
izinto bekumele uyazenza, okanye ukuba kunethe usesedoliphini kuye kunyanzeleke
ukuba ulale kwenye ilali ngenxa yomfula ogcweleyo.

USiphenkosi Hlathi onguceba kulendawo, uzivile izikhalazo zabantu kwaye akabamba
gazi wazixelela ukuba uzotshintsha isimo sentlalo yalendawo kwaye ebona nentlalo
abayiphilayo mihla le, ingakumbi xakunethayo. Ezisematheni kulenyanga iphelileyo,
kuqaliswe ukwenziwa indlela kwaye nebhulorho izokwenziwa ngokuva intetho zika
ceba, Siphenkosi Hlathi.

Inene liyinyani elithi isandla sigeza esinye, iminyaka abantu balelali bephila lentlungu kodwa uSpihenathi Hlathi onguceba walendawo ubenzele eyonanto.

“Sithi huntshu sizwe sikaNxotwe,” utshilo omnye wabahlali.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA