Babanjiwe abadlali abathathu ababedlalela iiProteas ngooKhetshe betyholwa ngokuthengisa umdlalo weQakamba.

By Siphiwo Boqwana

UTsotsobe, uTsolekile noMbhalati bazakuphinda bavele kwikundla yobuQhophololo kunyaka ozayo ngenyanga yoMdumba.

Abadlali abathathu nababedlalela iqela leQakamba loMzantsi Afrika iiProteas, uLonwabo Tsotsobe owayeyi nguMjuli, uThami Tsolekile owayengumgcinini-zinti noEthy Mbhalati owayenguMjuli babanjwe ngooKhetshe betyholwa ngokuthengisa umdlalo (ukunyoba) ngesizini ka2015/16 kumdlalo wokhuphiswano walapha eMzantsi weT20 Ram Slam.

UMbhalati uvele kancinci kwiNkundla yamaTyala ezoRhwebo yasePitoli nethe yamisela ityala lakhe kwinyanga yoMdumba ngomhla wamashumi amabini (20) kunyaka ozayo ka-2025.

UTsotsobe noTsolekile bobabini batyholwa ngokuhlisa imali ngomlenze kunjalo nje batyholwa kumatyala amahlanu emva kokuvela kulenkundla nabo elabo ityala limiselwe umhla wamashumi amabini enesithandathu (26) kwinyanga yoMdumba kunyaka ozayo ka2025.

Kwaqala aba badlali baxeliweyo kulenkundla ligosa leqakamba kwityala lokuthengiswa komdlalo nelalibandakanya owayesa kudlalela iiProteas, uGulam Bodi.

Kuvakala ukuba uBodi wazama ukuthetha nabadlali abaninzi esebenzisana nabathengisi bemidlalo e-India ngeloxesha. Lo kaBodi kuvakala ukuba wayeneenjongo zokuthengisa imidlalo emithathu yeT20 Ram Slam Challenge apha eMzantsi.

UGulam Bodi wabanjwa ngonyaka ka2018 ngenyanga yeKhala waze wafunyaniswa enetyala kumatyala asibhozo obuqhophololo, uthe wafumana isigwebo seminyaka emihlanu sokulala ebaliwe aze avuke sele echetyiwe nalapho athe wasiqalisa isigwebo sakhe ngonyaka ka2019 ngenyanga yeDwarha.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA