ABAHLALI BASE NOMPUMELELO NASE DUCATS BAKHALA NGENKONZO YAMANZI ERHUQA UNYAWO

Abahlali baseNompumelelo naseDucats eMonti bakhalaza ngamanzi angakhuselekanga abawafumana kwiziza zikamasipala waseBuffalo City emva kwengxaki yamanzi.

Oku kuza emva komonakalo kwimibhobho ehambisa amanzi kwezi ndawo zimbini liqela lemigulukudu elityholwa ngokuqhawula iintambo nezixhobo zokuhambisa amanzi khonukuze aye eluntwini .Omnye wabahlali, ongafunanga ukuchazwa ngegama, uthe lamanzi amdaka kwaye abenza babenezifo.

Uceba wale ndawo uNwabisa Mncwabeni uthi baxakekile bazama ukulungisa umonakalo bekunye neqela lenkonzo yamanzi kumasipala waseBuffalo City. UMncwabeni uqhube wathi oku kuchaphazela izikolo, amaziko ezempilo, amashishini noluntu ngokubanzi, kwaye bakwiphulo lokufakela kwamatanki kwiindawo ngeendawo ukuze abantu baxhamle ngelixesha kusalungiswa umonakalo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA