Abahlali baseScenery Park bekunye nonobhala weSanco uMnu Mbeko Nobatyi izolo bavale iholo yoluntu beqhankqalaza, ukanti eliholo kukwalapho asebenza khona uceba walengingqi.
Abahlali batyhola uCeba wakwaWadi 5 ogama linguMonica Goci ngobuhlanga, ucalulo, kunye nokungakhathali. Kuvakala uba kunyaka ophelileyo le wadi yabelwa imali ekwisigidi seerandi ukuze ihlangabezane neemfuno zabahlali. Kudizwe ukuba obesakuba nguceba uMnumzana uTokwe wamema indibano yabahlali waza wamema abaxhasi kwahlahlelwa le mali ngokwemfuno zabahlali.
Kulapho ke kwaye kwagqitywa uba lemali yabelwe ukuqesha abahlali abalikhulu nokubonelela ngeemfuno zabantu abakhubazekileyo. Emva kolonyulo loorhulumente basemakhaya kunyaka ophelileyo kwavakala iingxelo zokuba le mali yanqunyanyiswa ngulo ceba ukhoyo nowayengenguye uceba ngelo xesha.
Abahlali bathi uGoci ungenise uluhlu lwabantu abalikhulu kulo nyaka kweyoMdumba namagama amatsha angazange angeniswe nguTokwe kulo masipala kwinyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo. Abahlali bathi bafuna ukwazi ukuba baqeshwa njani abo bantu kuba akukho ndibano ibibizwe nguGoci xa kuqeshwa abo bantu. Uceba uGoci akavumanga ukuthetha ngalo mba esithi ulinde umasipala, ukwatyhola noonondaba ngokuthatha icala.