Abahlali belali yaseDangwana eSajonisi, eMpuma Koloni, bavakalise ukungoneliseki kwabo ngokuvalelwa ngaphandle kwamathuba engqesho kwiphulo lokulungiswa kwendlela uR61.
Le ndlela yonakaliswe ngamandla ziimvula ezinamandla nezikhukula ekuqaleni kwalo nyaka, nto leyo ebangele ukuba urhulumente aqalise iphulo lokuyilungisa.
Udano lwabahlali lufikelele kwinqanaba elibi kakhulu kwiveki ephelileyo xa begrumba umsele ku-R61, bevala indlela. Esi senzo sinyanzele indibano phakathi kwabahlali, inkampani yokwakha iRumdel, kunye namagosa kamasipala ukuze kuqwalaselwe izikhalazo zabo.
Eyona nkxalabo yabahlali kukunqongophala kwamathuba engqesho kubahlali belali yaseDangwana kwisigaba sokuqala sale projekthi. Bathi akuzange kuqeshwe mntu kwilali yabo ngeli xesha lokuqala, nangona ifuthe elikhulu lokuvalwa kwendlela kuluntu lwabo.
“Abahlali baseDangwana babekelwe bucala kwasekuqaleni. Babengeyonxalenye yesivumelwano. Banikwe ingxelo emva kokuba kubanjwe intlanganiso, yiyo lo nto inzima le nto,” utshilo umhlali ongonwabanga.
Ukunqongophala kwamathuba engqesho kuye kwawubeka ngakumbi umba wentswela-ngqesho eDangwana ingakumbi kulutsha. “Njengoko ubona olu lutsha lulapha, oku kubangelwa yintswela-ngqesho. Akukho namnye kwaba baselula osebenzayo. Sikhalazela ukungaphangeli,” utshilo omnye umhlali.
Uceba wakwaWadi 7 kumasipala wengingqi yasePort St Johns, uBongile Ndudu, uzibophelele ngokwandisa inani labahlali baseDangwana abaqeshwe kwindawo yolwakhiwo.
“Ndize apha emva kokuba beqhankqalaze endleleni. Bakhalazela ukuba bambalwa kubo abaqeshwe apho. Ndiyavuma ukuba izikhalazo zabo zisemthethweni. Ngoko ke ndize nesisombululo esizakwandisa inani labahlali baseDangwana abasebenza kwindawo yokwakha. Ewe, bakhona abahlali abasele beqashiwe phaya kodwa sizolenyusa inani kuba besithi bambalwa,” utshilo uNdudu.