Iimbaleki zibhalisele ugqatso olulindelwe ngabomvu lweCharlot Maxeke Half namhlanje, kwiHolo yeDolophu yaseFort Beaufort. Lomdyarho weembaleki uzokuqalisa ecaleni kwendlela uR63 phakathi kweAlice neFort Beaufort. Bekukho uchulumanco emoyeni njengoko abathathi-nxaxheba abachulumancile bebegxalathelana befuna iindawo zabo kulo mnyhadala wodumo. Lo mdyarho umiselwe umhla weshumi elinanye kweyeNkanga, onke amehlo ngoku ajonge phambili, nto leyo enika iimbaleki ixesha lokulungisa imizimba neengqondo zazo kowona mceli mngeni mkhulu.
Umdyarho weCharlot Maxeke Half Marathon ubone iimbaleki ezizimiseleyo kunye nabathandi beembaleki namhlanje ngethuba lokubhalisa. Ubhaliso lubonakalise ukwanda ngokumangalisayo, lutsala iimbaleki ezisuka kwiindawo zasekhaya nezangaphandle. Impendulo engakholelekiyo yabothusa abaququzeleli kwaye yabethelela iwonga leCharlot Maxeke Half Marathon njengowona msitho uphambili.
Ukwamkela inani elikhulu labathathi-nxaxheba abanomdla, kuthathwe iinzame zokuqinisekisa ukuba inkqubo yokubhalisa isebenza ngokufanelekileyo. Njengomdyarho wokuqala osemthethweni obubanjelwe kuMasipala waseRaymond Mhlaba, iCharlot Maxeke Half Marathon ithathelwe ingqalelo ngumntu wonke.
Abathathi-nxaxheba bacetyiswe ukuba bagxile kuqeqesho lwabo kwaye bazilungiselele lomdyarho ngelixa ubhaliso lusavuliwe. Indlela i-R63 inika umngeni kwiimbaleki. LoMaspala ukhuthaze abathathi-nxaxheba ngelithuba lokubonisa izakhono zabo zokubaleka, umsitho uya kubanika ithuba lokuxabisa ngokupheleleyo ubuhle bendalo kunye nelifa lenkcubeko etyebileyo yengingqi yaseAlice naseFort Beaufort.
Ubhaliso luza kuqhubeka ngomso kwiholo yedolophu yaseFort Beaufort

