By Asipile Kitchen.
Ngonyaka ka-2024 iingxelo zaveza imizabalazo yoluntu lwaseMakhanda nengxaki eziqatha zamanzi kodwa nasemva kwezikhalazo eziliqela, ukuqhankqalaza neentlanganiso zokuhlala, umasipala akakayihoyi lengxaki yoluntu.
Ekuqaleni, umbutho i-Gift of the Givers yayibonelela ngehlobo loncedo kuluntu ngokuhambisa ngamanzi emakhayeni, ezikolweni nasemazikweni empilo. Nangona kunjalo, inkxaso yayeka, ishiya iindawo ezininzi zingenamanzi iiveki eziliqela.
Ngo-2025, abahlali basabandezeleka zingxaki eziqatha zamanzi ezichaphazela ukuphila kwemihla ngemihla. Kuzintsuku ezingamashumi amabini abahlali baseMakhanda bengenamanzi, abahlali abaxhalabileyo baqale inkqubo efikelela eluntwini ukunciphisa lemeko imaxongo yaseMakhanda.
Uluntu lwase-Vergenoeg oko lungenamanzi inyanga yonke, oko becenga uMasipala waseMakhanda ukuba ubanike ugqampompo wamanzi kodwa ezozicelo zabo zifikela kwindlebe ezingevayo.
U-Jane Cowley we-DA uthe kungaphezu kweminyaka elishumi, abantu benyamazele ukungakhathaleleki kwengxaki zamanzi, besohluthwa isidima sabo namalungelo abantu asisisekelo.
Izibhedlele azinamanzi, abantwana abakwazi ukuya ezikolweni neentsapho ziyanyanzeleka ukuba zithenge amanzi bazokwazi uphila.
Unabise wathi uluntu lwaseMakhanda bafanelwe lithemba, isidima nobunkokheli obubakhonza ngokwenene- hayi esi siphithiphithi nokungahoyeki. I-DA ayizoyeka ukulwa de ibekanti iMakhanda iyaphumelela kwakhona.

