By Lilitha Phenduka.
Umsebenzi wamapolisa okhawulezileyo ukhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abathandathu (6) abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) namashumi amabini anethoba (29) kuhola wendlela u-N2 ngase-Kinkelbos kwisithuba esingaphantsi kweeyure nje ezimbini (2) kulandela isiganeko sokudubula nokugqekezwa kwaMaqoma (Fort Beaufort) izolo.
Ngaphakathi kwisithuthi, amapolisa afumene umpu ongekho mthethweni oneembumbulu kunye nemfonomfono ebiweyo kwaye umpu uza kuvavanywa.
Bonke abarhanelwa babanjwe ngezityholo ezisusela ekubulaleni ukuya kukufumana imipu nembumbulu ngaphandle kwempepha.
Abarhanelwa bayayanyaniswa nesiganeko sokudutyulwa kwendoda eyayihleli kwindlu ekwisitalato iMbewu, KwaMaqoma ngomhla weshumi (10) kweyoKwindla ka-2025 ngentsimbi.
Iingxelo zidiza ukuba abarhanelwa abane (4) omnye exhobe ngompu bangene endlini bavulela ngembumbulu kwixhoba.
Ixhoba uBulelani Dayile obeneminyaka elishumi elinane (40) ubhengezwe njengobhubhileyo kwindawo yexhwayelo. Abarhanelwa bakwazile ukuba imfonomfono phambi kokuba babaleke kwindawo yexhwayelo.
Uphando kwindawo yesiganeko lubonise ukuba abarhanelwa abane basebenzisa i-Suzuki Ertiga, njengesithuthi sokubalekela. Ngoko nangoko, olo lwazi lwathunyelwa kuwo onke amajelo osasazo amapolisa.
Malunga nentsimbi yesixhenxe (7) ngokuhlwa, isithuthi esihambelana nenkcazo sabonwa ku-N2 kufuphi ne-Kinkelbos, saza sakhutshwa endleleni.
La madoda mathandathu azakuvela phambi kwenkundla kamantyi kwaMaqoma ngoLwesine, umhla weshumi elinesithathu (13) kweyoKwindla 2025.
UKhomanda wase-Sarah Baartman DOCC, uColonel Andries Landman, uncome amalungu ngokusabela ngokukhawuleza esithi isicwangciso esichubekileyo kunye nolungelelwaniso olusebenzayo lwezixhobo ibiyeyona nto iphambili ekubanjweni kwaba barhanelwa kwaye abecuphi benze umsebenzi oncomekayo.

