Bazakhele ngokwabo i-Clinic abahlali eTranskei!

By Sophumelela Singqota

Ingaphaya kweshumi minyaka, abahlali belali yakwaNombanjana kuCentane, eMpuma Koloni, kufuneka behambe umgama ongangeekhilomitha eziyi-30 bewela imilambo eyingozi ukuze bafike kweyona kliniki ikufutshane. Badinwe kukulinda ungenelelo lukaRhulumente, de bagqiba ekubeni bazakhele eyabo ikliniki.

Aba bahlali, baye baqokelela malunga ne-R250,000 kwiminikelo kunye nokusebenzisa ingeniso yerenti evela kumboneleli we network yomnxeba ohlawulele inqaba efakelwe elalini.

Emva kweminyaka emibini yomsebenzi, bexova isamente ngesandla, bethutha izitena kwiiveni nokusebenza iintsuku ezinde emasimini abo, isakhiwo sekliniki ngoku sigqityiwe.


Kungoku nje uluntu luthetha-thethana nesebe lezempilo eMpuma Koloni ukuze ivunywe ngokusesikweni kwaye isebenze njengeKliniki esebenza ngesathelayithi ngokugunyazisiweyo.

Inkokeli yabahlali uLulamile Khetshemiya uthe, eli phulo lizalwe kukuphelelwa lithemba nelahleko.

“Siye sadinwa zizithembiso zikarhulumente ezingenanto ngelixa abantu besifa. Kangangeminyaka, abantu bebesokola ukufikelela kumaziko okhathalelo lwempilo ngenxa yomgama. Abanye bade bangawasebenzisi amayeza,” utshilo.

Ukwathe abahlali bale lali bafumana inkuthazo kolunye uluntu oluzakhele ezabo iikliniki ze emva koko bafumana inkxaso kwisebe lezempilo ephondweni ngoncedo lwabasebenzi, izixhobo kunye namayeza.

Kodwa kwaNombanjana, umzabalazo awungomagama kuphela, ukwamalunga nomhlaba. Xa kunetha, iindlela zegrabile zijika zibe ludaka olunzulu kwaye ukuwela umlambo kuba nzima.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA