INkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS) yenze umsebenzi oncomekayo ekulweni ubuNdlobongela obuSekwe kwiSini kunye nokuBulala kwabaseTyhini (i-GBVF) njengoko iphulo leeNtsuku ezilishumi elinesithandathu (16) zokungaxhatshazwa kwabaseTyhini nabaNtwana liqalisa. Eli phulo lijolise ekuqaqambiseni isibetho sobundlobongela obuthe gqolo ukuthwaxa uluntu lo gama beqinisa iinzame zokukhusela abantu ababuthathaka.
Eli phulo lingqamene nokukhutshwa kweenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho kwikota yesibini nguMphathiswa wamaPolisa, uMnu. Senzo Mchunu. Ngelixa ulwazi lubonise inkqubela-phambili ekuthinteleni iindidi ezininzi zolwaphulo-mthetho, izinga eliphezulu lokubulala elibandakanya abasetyhini nabantwana lihleli lingunobangela wenkxalabo.
Kwintetho yakhe uMphathiswa uMchunu ukubethelele ukuba ubundlobongela obusekelwe kwisini (Gender-Based Violence), obuye baba lulwaphulo-mthetho oluphambili kuzwelonke, lufuna ingqwalasela eyodwa, njengoko luqhubeka lutshabalalisa iintsapho noluntu, ngeqela elilodwa lemingeni efuna ungenelelo olukhethekileyo, uphando olunzulu, kunye nezisombululo zentsebenziswano.
I-SAPS iye yaqina kumsebenzi wayo ngakwi-GBVF ngokusebenzisa iCandelo lobuNdlobongela boSapho, uKhuseleko lwaBantwana, noPhando lwezeSondo (FCS). Ngeeyunithi ezilikhulu namashumi asixhenxe anesithandathu (176) kwilizwe lonke, eli candelo likhethekileyo linoxanduva lokuthintela nokuphanda izenzo zolwaphulo-mthetho ezifana nezenzo zolwaphulo-mthetho ngokwesondo, ukubetha, ukuxhwilwa, kunye nolwaphulo-mthetho lwe-elektroniki olubandakanya ukuxhatshazwa ngokwesondo kwabantwana.
Ezi yunithi zixhaswa ngoonontlalontle basenkundleni abancedisa ngovavanyo lwengqondo, ungenelelo lwentlekele, kunye neenkonzo zonyango kumaxhoba. Uvavanyo lwabo lusetyenziswa enkundleni ukomeleza ukulandelwa kobulungisa kwabo bachatshazelweyo.
Iinzame zeYunithi ye-FCS zibe neziphumo ezibalulekileyo phakathi kukaTshazimpuzi 2023 noMsintsi 2024.
Ukuzakuthi ga ngoku:
Bayi-16,668 abarhanelwa be-GBVF abaye babanjwa.
Kwabanjwa abenzi bobubi abayi-29,150.
Abatyholwa abayi-556 bafumana izigwebo zobomi ejele.
Abantu abayi-480 bagwetywa iminyaka eyi-20 okanye ngaphezulu entolongweni.
Abaphuli-mthetho abayi-998 bafumana izigwebo zeminyaka elishumi (10) ukuya kwelishumi elinethoba (19).
Abantu abayi-1,792 bagwetywa unyaka omnye ukuya kosithoba.
Ukuqinisekisa ukuba amatyala e-GBVF afumana ingqwalaselo ephambili, i-SAPS iseke iiDesika ezizinikeleyo zoBundlobongela obuSekelwe kwiSini kuzo zonke izikhululo zamapolisa. Ukongeza, i-1,161 yamagumbi aNceda amaxhoba (VFRs) asekiwe kuwo onke amaziko amapolisa, kubandakanywa nezikhululo zesathelayithi kunye nezikhululo zeenqwelomoya zamazwe ngamazwe. Ezi ndawo zibonelela ngendawo ekhuselekileyo, yabucala apho amaxhoba anokwabelana ngamava abo ngaphandle koloyiko okanye ukoyikiswa.
Iphulo leeNtsuku ezilishumi elinesithandathu (16) zokungaxhatshazwa kwabaseTyhini nabaNtwana lisebenza njengesikhumbuzo sokuba ukukhusela amaqela abuthathaka luxanduva ekwabelwana ngalo. Ngokuzinikezela okuqhubekayo kunye neenzame zentsebenziswano, i-SAPS inethemba lokwakha uluntu olukhuselekileyo kumntu wonke.

