IiYunithi ezikhethekileyo zamapolisa zihlangene ukulwa ulwaphulo-mthetho neziyobisi eUgie.

Iinzame eziqhubekayo zamaPolisa zokunciphisa iziyobisi eluntwini ziye zavelisa iziphumo ezintle njengoko abarhanelwa abahlanu abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) namashumi amahlanu anesine (54) bebanjelwa ukuthengisa nokuba neziyobisi eUgie.

Amalungu aphantsi kwe-Ugie SAPS, iYunithi yaseBarkley East Mounted Unit, eKhowa nase-Aliwal North K9 bebeyinxalenye yenkqubo yobuntlola apho imisebenzi yokujikeleza okubonakalayo, iindawo zokukhangela izithuthi ezibiweyo, imipu nokusetshwa nokuhlutha iziyobisi, ukumisa nokugqogqa, kuhlolwa ukungathotyelwa kwemithetho, kwiivenkile zeSpaza, utyelelo kwiirenki zeeteksi iye yenziwa.

Ebudeni beli phulo, abarhanelwa abane babanjwe ngokufunyanwa nentsangu kunye nokuthengisa iziyobisi. Amapolisa alandele iinkcukacha aze abamba omnye waba barhanelwa ngelixa ekwindlu yakhe. Xa begqogqa endlwini, bafumana amacwecwe asithoba (9) emandrax anobukhulu obahlukeneyo. Umrhanelwa wesihlanu ubanjelwe ukubetha.

Aba barhanelwa bazakuvela kwiNkundla kaMantyi yaseUgie ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyeNkanga 2024.

UMkomishinala weSithili saseJoe Gqabi uMajor General Lindelwa Vellem uncome amalungu ngokuphelisa iziyobisi kwizitalato zaseUgie kwaye ukhuthaza uluntu ukuba luxele emapoliseni naziphi na izenzo zolwaphulo-mthetho okanye lutsalele umnxeba kwinombolo yeCrime Stop 08600 10111.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA