Abantu abasibhozo badutyulwe babhubha kuhlaselo lwendawo yentselo ngaseKlerksdorp kwiphondo laseMntla Ntshona.

Abantu abasibhozo badutyulwe babhubha kuhlaselo lwendawo yentselo ngaseKlerksdorp kwiphondo laseMntla Ntshona.

Amapolisa athi ooduladula badubule ngokungalindelekanga kubaxhasi eKanana ngentseni yangoMgqibelo. Isithethi seSAPS uSabata Mokgwabone uthi abarhanelwa bafike kule taveni bekhangela abantu baseLesotho.

Kuye kwabulawa abafazi ababini namadoda amathandathu. Abanye abaliqela benzakala.

“Abarhanelwa emva koko bathatha iCCTV system, imali ethilini kunye ne-Snooker Table. Emva koko bakhuthuza abaxhasi iiselfowuni zabo babaleka kwindawo yexhwayelo,” utshilo uMokgwabone.

Amapolisa asaphanda indawo yexhwayelo. Isizathu asikaqinisekiswa kwaye akukabanjwa mntu okwangoku.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
43 %
1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA