Amapolisa eGqenerha akwiphulo lokunciphisa ulwaphulo-mthetho eGqeberha, kwaye iziphumo zibonisa impumelelo.
Amapolisa eGqenerha akwiphulo lokunciphisa ulwaphulo-mthetho eGqeberha, kwaye iziphumo zibonisa impumelelo njengoko amalungu asebenza emaPoliseni ejongene noMthetho kaWonke-wonke (POP) abambe umrhanelwa oyindoda oneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) ubudala ngokuxhwila imoto nokuba nompu ongenaphepha-mvume.
Oku kubanjwa kwale ndoda kulandela emva kokuba imoto ebithwele utywala ibiqweqwediswe ngabarhanelwa abathathu (3) abangamadoda kwindawo yokunqumla eStruandale, eGqeberha. Ngokwengxelo, lamadoda mathathu angaziwayo ebefuna ukuphanga le moto ngokukhupha umqhubi wemoto ngaphakathi. Ngelixa omnye umrhanelwa ezama ukuqhuba imoto, amapolisa ajikelezayo abona imoto kwikona yendlela iStruanway kunye neArmouplate, eStruandale.
Kuphando lwamapolisa, umrhanelwa utsibe emotweni waze wadubulana namapolisa. Uye wazama ukubaleka apho ze wabanjwa kwaye kwafunyanwa umpu we-9mm kuye. Lo mrhanelwa ufumene amanxeba okudutyulwa emilenzeni yomibini waze wasiwa esibhedlele phantsi kweliso lamapolisa.
Abarhanelwa babini (2) abangaziwayo baye bamkhulula umqhubi ngethuba lokudubulana, kwaye akukho nto iye yathathwa kwilori.
Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kamantyi eBhayi namhlanje umhla wamashumi amabini anethoba (29) kweyeKhala, ajongane nezityholo zokuxhwila imoto, ukuzama ukubulala, ukuxhwila, nokuba nompu ongenaphepha-mvume.

