IGqwetha leKomishini yoNyulo yoMzantsi Afrika (IEC) uAdv Tembeka Ngcukaitobi uthi abaphuli-mthetho akufanelanga ukuba babe ngabaqulunqi bomthetho. Ukuthethe oku kwisibheno sombutho woMkhonto weSizwe (MK) esichasa isigqibo sale komishoni sokuvala uJacob Zuma ekubeni ngomnye wabagqatswa bayo epalamente.
NgoMatshi, ikhomishini yathi owayesakuba ngumongameli waseMzantsi Afrika wayengafaneleki ukuba ngumgqatswa ngenxa yoshicilelo lakhe lolwaphulo-mthetho, uZuma wagwetywa iinyanga ezilishumi elinesihlanu (-15) yiNkundla yoMgaqo-siseko ngoJuni ka-2021 waze wakhululwa ngengqawule yokugula ngo Septemba ka 2021.
Ngo-Agasti ka-2023, uMongameli uCyril Ramaphosa wasikhulula isigwebo sakhe ngokwecandelo lamashumi asibhozo anesine (Section-84) (2) lomgaqo-siseko wezithintelo zabantu abagwetywe ukuvalelwa entolongweni ixesha elingaphezu kweenyanga ezilishumi elinesibini (-12) ngaphandle kokukhetha uhlawuliswa ekubeni babe ngamaLungu ePalamente.
“Isizathu sokuba sibe necandelo lamashumu amane anesixhenxe (Section -47) (1) (e) kungokuba kuwiso-mthetho ukuba izigwebo ezithile kunye namatyala athile angamthintela umntu ekusebenziseni amalungelo akhe okuza epalamente. “Isizathu sokuba bayibeke kwiinyanga ezilishumi elinesibini (-12) kukuba luphawu lobunzulu. Ayipheleli nje ekugwetyweni kodwa nelolwaphulo-mthetho.
Ukanti isizathu sokuba bakubeke kucace ukuba akufuneki kubekho isohlwayo sentlawulo kukuba abaqulunqi bomgaqo-siseko bazama ukusixelela kukuba abophuli bomthetho akufunekanga babe ngabaqulunqi bomthetho,” utshilo uNgcukaitobi.
Kusenjalo UAdv Dali Mpofu uveze ukuba umxhasi wakhe uZuma akazange axolelwe kwaye kukho umahluko phakathi koxolelo nokunciphiswa kwesigwebo. “Uxolelo kukuxolela ukugwetywa kunye nesigwebo. Asiyosontsinda-badala le. Uxolelo kukurhoxiswa kwesigwebo sasentolongweni Sakuba sibekwe bucala isigwebo.”utshilo uMpofu
UNgcukaitobi, we-IEC, uthe uZuma ugwetywe enetyala lokudelela inkundla, nto leyo eyayilityala kwaye ilityala, “Umnu. Ufunyanwe enetyala,” watsho uNgcukaitobi wathi kuya kuba kukungqubana nomgaqo-siseko ukuba iNkundla yoNyulo “isishiye isigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko” “UMnu Zuma wayenetyala lokudelela umyalelo weNkundla yoMgaqo-siseko akukho sibheno singenamsebenzi,” watsho uNgcukaitobi ukuba akukho kuxolelwa kwesigwebo apha.
Kusenjalo uMpofu waxoxa ngelithi i-IEC ayinawo amandla, igunya kunye/okanye igunya lokuphumeza icandelo lamashumi amane anesixhenxe (Section 47) (1) (e) lomgaqo-siseko, elijongene nokulawula ubulungu beNdlu yoWiso-mthetho, esithi amandla akwiNdlu yoWiso-mthetho ngokwayo,

