Owayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma ulumkise ikomishini yolonyulo (IEC) ngokungenelela kwimicimbi yepalamente. UZuma uthe iKomishoni mayizikhwebule ekuzibandakanyeni kwimicimbi yezopolitiko endaweni yoko igxile ekuqinisekiseni unyulo olukhululekileyo nolungenamkhethe.
Ukanti owayesakuba nguMongameli uphinde waqinisekisa ukuma kwakhe ngethuba ethetha nothotho lwamalungu ombutho woMkhonto weSizwe (MK) ngaphandle kweNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Gauteng, apho i-IEC kunye nombutho we-MK zibambene enkundleni malunga nokungenela unyulo oluzayo kuCanzibe. Ukwavakalise inkxalabo yakhe, esithi, umbutho oza kuphumelela uzakuxoxa imicimbi yokongamela namanye amaqela ezopolitiko epalamente hayi kwi-IEC. Esithi ke Oku kuyothusa ngokwenene. Ukwathe unelungelo lokungenela ugqatso kwakhona ukuba abemi boMzantsi Afrika bayamfuna, esithi akakawagqibi amahlandla akhe amabini njengoMongameli.
“Xa kuthethwa ngendoda yaseNkandla, khange igqibe imiqathango yayo emibini, khange ayigqibe. Ngoko ke lo mba awundibandakanyi, nokuba ndingathi ndifuna ukuma njengomongameli, akukho mntu uya kundinqanda. Ndakhutshwa ngaphambi kokuba ixesha lam lomongameli liphele.” utshilo

